UGordon uyakhala kakhulu ngoSangweni

Owayeqeqesha iBafana Bafana, uGordon Igesund, uyakhala ngokwenzakala okutshabalalise ikamva likaSiyabonga Sangweni obeke phantsi ebholeni kwiveki ephelileyo ngenxa yokwenzakala obekumkhathaza kakhulu.

Lo mdlali wanyanzelwa ngoogqirha beOrlando Pirates ukuba anikezele ngenxa yedolo ebelingaphili. U-Igesund osebenze noNsimbi kwiqela lesizwe ngethuba kudlalwa i2013 AFCON uxelele Isolezwe ukuba ukhathazekile yinto eyehlele uSangweni.

“USangweni ebengumdlali okumgangatho ophezulu, ebekungadluli nto kuye emva xa ekhona.

Ebeyinkokeli engadingi ukunxiba ibhanti ukuze kubonakale ukuba ngukapteni. Ndalonwabela ixesha endasebenza naye ngalo. Bekungacaci ukuba ungumdlali wasemva, kuba ebelichule enyaweni.

Nangoku amagowuli awawafaka sidlala neMorocco kwi-Afcon asesengqondweni yam.

Ukonzakala kwakhe kusibulele ngoba siphoswe lithuba lokumbona engomnye wabadlali bomdlalo ophala phambili. Kulilishwa ukufika kwakhe sele ekhulile ngoba ebefanelwe kukudlala phesheya,” utshilo * -Igesund.

Ngo2013 uSangweni wabayinxalenye yeqela lesizwe elafikelela kwimidlalo ephambi kowamagqibela kankqoyi we-Afcon. Ngo-2010, uNsimbi, wayekhona ngethuba uMzantsi Afrika udlalela indebe yehlabathi. Kanti kwiPirates udlale imidlalo yamagqibela kankqoyi yemidlalo yeCaf.

Wayekhona ngo-2013 xa iBucs yayibethwa yiAl Ahl ngo’2-0 eYuphutha. Le ndedeba ibikwakhona xa iPirates ibethwa yi-Etoile du Sahel kumdlalo weCaf Confederation Cup.

“Kuzothatha ixesha elide ukuze simbone umdlali onje- ngaye. Ebengumntu othuleyo, kodwa ethetha ngomsebenzi. Ndiyathemba akazulahleka ebholeni,” utshilo * -Igesund.

USangweni uyeke ukudlala efumene inqwaba yeendebe kwiPirates. Ufumene iindebe zeNedbank ezimbini, i-Absa Premier Soccer League neTelkom Knockout.

Kwiqela lesizwe uSangweni udlale izihlandlo ezingamashumi amabini anethoba, wafaka amagowuli amane.