Emva kokuba engakhange abizwe kwiSpringbok yapohela gungqu isizini ka2014, inzalelwane yaseQonce uNic Groom ubona ilixesha elifanelekileyo ukuba aqale uhambo olutsha.
NgoMvulo, iqela laseNtshona Koloni iStormers libhengeze ukuba uGroom uzakube elishiya ekupheleni kwale sizini, aye kuzibandakanya neqela laseNgilane iNorthampton phambi kokuba kuqale isizini ka2016/ 2017.
Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesithandathu uzakuqala agqibezele isizini yeSuper Rugby, kwaye unethemba lokuba aphumelele enye itayitile eNtshona Koloni. Ukongeza kwiitayitile ezimbini zeCurrie Cup awaziphumelela esadlala kwiWestern Province.
UGroom uchithe ixesha elininzi kwiWestern Province phambi kokuba anyuselwe afakwe kwiqela labadala kwiStormers.
Waqale wabonwa yiYunivesithi yaseKapa kwisizini yeVarsity Cup ka2011, udlale kwangalo nyaka mnye kwiStormers.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro