ICricket South Africa yenze umzekelo ngowayesakuba ngumdlali weqakamba uGulam Bodi, ngoMvulo.
Lo mdlali owayedlalela iProteas, unqunyanyiswe iminyaka engamashumi amabini kuyo yonke imidlalo yeqakamba.
Ukunqunyanyiswa kuka Bodi, sisigqibo esibhengezwe ngoMvulo, ngelixa kuyiwe ekhefini kumdlalo wesine wovavanyo phakathi kweProteas kunye neNgilane.
Kudala liqhuba uphando mayelana nezityholo zokuthengwa kwemidlalo yeqakamba, kwaye esi ibe sisiphumo soluphando lusaqhubayo.
Ingqonyela yeCSA, uHaroon Lorgat uthe: “Indlela esiyijonga ngayo into enobuqhophololo asifuni nokuyibona.
Ngaphandle kwamathandabuzo, izenzo zikaBodi ziyiphazamisile inkangeleko yomdlali esiwuthandayo weqakamba. Kwaye ngenxa yale nto, ufanelwe sisigwebo esiqatha.
Kudala sixoxa kunye noBodi, kwaye ubuvumile ubugwenxa bezenzo zakhe.”
ICSA ikwathe ikholelwa ukuba akukho midlalo ithe yanyotywa kule sizini yeRamSlam, kwaye iinzame zikaBodi zokwenza oku zibhaqwe esazama ukwenza izicwangciso.
UBodi uvumile ukuba wazama ukunyoba imidlalo kukhuphiswano lweT20. Uphando mayelana nokunyotywa kwemidlalo kule tumente lusaqhuba, kwaye kukholeleka ukuba kuza kuvela amagama amaninzi.
“Ubungqina esinabo, kunye nezinto ezivunywe nguBodi, kubonakalisa mhlophe ukuba le nto ibhaqwe ingekaqalwa, kwaye ukukho bantu abasele bebhatelwe,” uLorgat ucacise watsho.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine