UGumede wamkelwe yiCape Town City

Iqela laseKapha elitsha lityikitye umdlali we-Orlando Pirates, uTshepo Gumede, kutshanje. Ezi ndaba zidizwe leli qela kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter.

“SiyiCape Town City sinovuyo olukhulu ukwazisa uTshepo Gumede, njengomdlali wethu, siyakwamkela,” itshilo iCape Town City. Lo mdlali ngomnye wabadlali abakumgangatho ophezulu kwibhola nje ngokubanzi futhi odlalele neqela lesizwe, kodwa izinto khange zimhambele kakuhle kwiPirates kwisizini ephelileyo.

Libathwana nje lemidlalo uGumede ayidlalileyo kwisizini ephelileyo, nayo khange ibentle ngoba wathi ithuba sele elifumene waphinda wahlala ngaphandle. Ngoku uzibandakanye neli qela litsha eKapa enethemba lokuvuselela ikhono lakhe lokudlala ibhola kwiPremier League.

Phambi kokuthengwa kwakhe yiBucs, uGumede yayingumdlali eyayithembele ngaye ngamaxesha onke iPlatinum Stars. Ngoku ulandela * -Eric Tinkler obeqeqesha i-Orlando Pirates oqale ukuqeqesha iCape Town City kwinyanga ephelileyo.