Amagowuli amabini afakwe nguGeorge Maluleka nefolosi etshisa bhe uGustavo Paez ancede iKaizer Chiefs xeshikweni ibethela iBloemfontein Celtic kumdlalo we-Absa Premier Soccer league kobu busuku eDr Petrus Molemela Stadium. Amakhosi angcangcazelise umnatha ngebhola entle kaMaluleka emva kokunikelwa ngobuchule nguJoseph Molangoane ngomzuzu weshumi elinesithathu kwisiqingatha sokuqala somdlalo. Emva koko akubangakho nto ingako yenzekayo kulo mdlalo. izinga lo mdlalo belime ndawonye.
Kodwa kuthe ekuhambeni kwexesha uMusa Nyatama watsala intambula ekuye kwanyanzeleka ayixhimfwe ngenqindi u-Itumeleng Khune. Ezo nzame zayo iCeltic ziyikhuthazile ngoba iye yahlasela ngamandla. Kude kwaphela isiqingatha sokuqala kodwa kungento ingako eyenzekileyo okanye eyenziwe ngala maqela omabini.
USteve Komphela ufake ithemba lakhe elikhulu uPaez kwimizuzu elishumi isiqingatha sesibini siqalile. Ngomzuzu wamashumi amathandathu anesibhozo, uGeorge Maluleka, utyale ibhola kakuhle kumhlaba weCeltic – idibene noPaez engangxamanga, oyibeke emnatheni. Bazamile abadlali beCeltic ukudibanisa iibhola esiswini – kodwa ngelishwa labo – izinto azibahambelanga kakuhle kulo mdlalo. Impumelelo yeChiefs iyithathe yayibeka kwindawo yesibini kwiPSL, ishiywa yiBidvest Wits ngenqaku elinye ngoku nangona isemva ngemidlalo.
Mark Mayambela of Ajax Cape Town celebrates goal during the Absa Premiership 2016/17 football match between Ajax Cape Town and Highlands Park at Cape Town Stadium, Cape Town on 12 April 2017 ©Chris Ricco/BackpagePix
Ngaphaya kwelaseKapa, uMark Mayambela, uncede i-Ajax Cape Town ngokuthi afake igowuli lempumelelo kumdlalo wePSL ebethe kuwo iHighlands Park etsala nzima kule sizini eCape Town Stadium. Le yimpumelelo ye-Ajax yokuqla emva kokungaphumeleli kwimidlalo esibhozo yonke eyidlalileyo.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!