UGwabeni uyincoma ngokungazenzisiyo iKe Yona!

Thamsanqa Gwabeni of Platinum Stars during the Absa Premiership match between Platinum Stars and Supersport United at the Royal Bafokeng Stadium in Rustenburg, South Africa on August 24, 2016 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

tyendyana lomfana waseBhayi aliwuvali umlomo emva kokufumana ithuba elinqabileyo kwiKe Yona Team ngo’2015. UThamsanqa Gwabeni, 23, udlalela iPlatinum Stars emva kokuchongwa ngabaqeqeshi abaphume izandla kwibhola ekhatywayo nabaneliso elibukhali kwicala lokupopola italente.

Eli phulo lokuncothula italente (Ke Yona Team Search) kwilizwe lonke livelatanci elasungulwa yiNedbank ngenjongo yokudala amathuma nokuzalisekisa amaphupha wabantwana abanqwenela ukudlala ibhola ekhatywayo kwinqaba eliphezulu. Lo ngunyaka wesihlanu iKe Yona Team Search ikhangela italente kwilizwe lonke kwaye ivelise abadlali abaliqela abathe bhazalala kumaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League namaqela asizwe.

UGwabeni waba nethamsanqa lokuthathwa yiPlatinum Stars – apho adibene notshotshentla kwicala lokuguda italente yabadlali abasafufuzayo, uCavin Johnson. Lo kaGwabeni usalivuyela nanamhlanje ithuba awalifumana kwiNedbank Ke Yona. “Le nkqubo yeKe Yona ipha abantu amathuba. Uyakuphawula ukuba abadlali abaninzi ngoku baphuma kuyo. UNedbank utshintsha iimpilo zabantu, nam ndingomnye wabo. Akululanga ukusuka ngaph’ eMpuma Koloni uze eJoburg uzokhangela amathuba kungekho mntu umaziyo. Soze uthathwe kwiinkqubo – kodwa yena uNedbank udala amathuba ukuze amaqela adlala kwiPSL akwazi ukukhetha abadlali abakhethiweyo ngabaqeqeshi,” utshilo uGwabeni ngethubaa encokola nephephendaba labantu, I’solezwe lesiXhosa.

Njengokuba abantu abaninzi bengazange balifumane ithuba lokudlala kwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika, uGwabeni yena walifumana elo thuba linqabileyo kwiKe Yona kwatsho kwatshintsha nobom bakhe.

“Ubom bam abusafani nakuqala. Ndingomnye wabantu ababengazi ukuba bangafikelela njani kule ndawo ndikuyo namhlanje – kodwa ngenxa yeNedbank, izinto zakhawuleza kakhulu. Kuthatha ixesha ukuze izinto zilunge,” uvale ngalo mazwi uGwabeni.

                                         Pedro Maphelo's photo.

NgoMgqibelo, abachongi beKe Yona abaquka uKabo Zondo, uMike Mangena, u-Owen Da Gama noShakes Mashaba bazakube bekhangela abadlali abakhethekileyo nabazakuthi babeyinxalenye yeKe Yona Team kulo nyaka kuvavanyo oluzakube luqhutyelwa eWolfson Stadium, eBhayi.