UMnu. Siviwe Mpengesi uthi akakhangeli mqeqeshi okwangoku. Oku ukuthethe emva kokuba iqela lakhe liphumelele umdlalo wesibini kwiveki ephelileyo. Emva kokubethwa kweChippa United emzuzwini wokugqibela yiMamelodi Sundowns emdlalweni obuseNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo, uMpengesi wamshenxisa uDaine Klate njengomqeqeshi. Nangona iChippa iye yayisokolisa iSundowns phantse emdlalweni wonke, usihlalo weqela uthi zange ayithande indlela eladla ngalo. “Emdlalweni esiwudlale neSundowns, ibiyiyo ebidlala ebaleni. Ayisiyondlela esidlala ngayo leya. Awukwazi ukuxhomekeka kwiimpazamo ezenziwa liqela odlala nalo, kufuneka iqela lizidalele amathuba okuphumelela umdlalo,” utshilo uMpengesi kutshanje.
Iqela lakhe libuye KwaZulu-Natal umsila uphezulu emva kokubetha AmaZulu ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership. Kuye kwathi qabu kwiChippa engayiqalanga kakuhle isizini entsha. Impumelelo ize noSiyabulela Gwambi ongumqeqeshi wethutyana oyintloko nomncedisi wakhe uMorgan Mammila. UMpengesi uthe akazukuqesha mntu mtsha, uGwambi noMammila baza kuxhuzula imikhala kwiChippa United. “Xa ingonakalanga, ilungiselwani? Utshilo uMpengesi ozenzele igama kwiPremier Soccer League njengoyena mnikazi weqela ogxotha abaqeqeshi ngendlela engenambaliso.
Uyibethelele into ethi uKlate akagxothwanga, endaweni yoko uza kunikwa omnye umsebenzi. “Akagxothwanga uKlate. Siza kuhlangana naye sibone indawo aza kusebenza kuyo. Ukuba akafuni ukuebenza kwiDiski Challenge, zininzi iindawo angasebenza kuzo,” utshilo uMpengesi. Emva komsebenzi omhle ewenze eThekwini, iChippa iza kulwela amanye amanqaku amathathu xa idibana neMarumo Gallants emdlalweni ongentsimbi yesithathu ngoMgqibelo, eNelson Mandela Bay Stadium. Noxa isokola iGallants kwicala lokuphumelela imidlalo – kodwa akulanga ukuyibetha. Ikhuthazekile emva kokubambana neChiefs kwiveki ephelileyo.
Imidlalo yeDStv Premiership:
Mgqibelo: Chippa United vs Marumo Gallants @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:00; Golden Arrows vs Swallows @Princess Magogo Stadium, 15:00; Sekhukhune United vs Stellenbosch @Peter Mokaba Stadium, 17:30; Kaizer Chiefs vs SuperSport United @FNB Stadium, 20:00
Cawe: Mamelodi Sundowns vs AmaZulu @Loftus Stadium, 15:00; Richards Bay vs TS Galaxy @King Zwelithini Stadium, 17:30
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8