UGwambi usingethwe nguLuc Eymael osenephunga lobuhlanga!

Emva kokugxotha uDan “Dance” Malesela izolo, iChippa United ibhengeze igama likaSiyabulela Gwambi njengebambela lomqeqeshi

Emva kokugxotha uDan “Dance” Malesela izolo, iChippa United ibhengeze igama likaSiyabulela Gwambi njengebambela lomqeqeshi. Kwelinye icala, iChippa ichonge uLuc Eymael njengomcebisi oyintloko. Nangona uGwambi ebelisekela likaDan Malesela – kodwa kubonakala ngathi uza kusingathwa nguLuc Eymael ngoba yeyona ndoda efunwa nguMnu. Siviwe Mpengesi kwa kunyaka ophelileyo.

Isigqibo sikaMpengesi sokumshenxisa esikhundleni okaMalesela silandele emva kokuba kuvuthululwe iChippa United ngamagowuli amahlanu kwelinye (5-1) yiMaritzburg United emdlalweni weDStv Premiership obuseHarry Gwala Stadium ngoMgqibelo ebusuku. Ngaphezulu koko, iChippa United inemidlalo engaphezulu kwesibhozo ingaphumelelanga namnye yabe isendaweni embi.

“Iqela lithanda ukwazisa ukuba limkhulule uDan Malesela ngemvisiswano. Endaweni yakhe kungene uSiyabulela Gwambi – oza kuxhuzula imikhala okwathutyana,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiChippa United namhlanje. Umqeqeshi bekufanele ukuba nguLuc Eymael – kodwa ngoba iSafa yayikukhalazele ukuqeshwa kwakhe ngaphambili. UMpengesi usacele ingcaciso kuyo ngokuqesha uEymael.

Luc Eymael coach of Free State Stars during the Absa Premiership 2018/19 game between Baroka FC and Free State Stars at Peter Mokaba Stadium in Polokwane the on 26 September 2018 © Kabelo Leputu/BackpagePix

Isono sakhe oka-Eymael zizityholo zobuhlanga esengumqeqeshi weYanga Africans yaseTanzania – apho wafanisa abalandeli beqela neemfene nabantu abangafundanga. Akukacaci kengoku nokuba uLuc Eymael uya kuwafumana kusini na amaphepha wokusebenza eMzantsi Afrika. Umasipala waseNelson Mandela Bay neBuffalo City abanika iChippa United izigidi zerandi abakakhuphi lizwi ngokuqeshwa kuka-Eymael okwakhatywa nayiNkulumbuso yeMpuma Koloni ngenxa yezityholo zobuhlanga.

Njengokuba iChippa United isokola, kwiveki ezayo iza kudibana neMamelodi Sundowns emdlalweni weDStv Premiership. Ukuba iChippa ayikwazi ukufumana amanqaku emdlalweni oza kube useSisa Dukashe Stadium, iya kwenza imeko yayo ibe mbi ngakumbi ngoba amaqela asemva kwayo akekudanga kuyaphi.