Ugxeleshe intshinga yehlabathi uTenge!

UMapule Ngubane, umququzeleli weZbashy Promotions, uSibongile Matiti kunye nentshatsheli yeWBF uNoni Tenge phambi kokulwa eMdantsane

Intshatsheli elinenekazi, uNoni Tenge, ithi inethemba lokuphinda ibe yintshatsheli yehlabathi kwakhona.

UTenge ukuthethe oku emva kokungqengqisa uMapule Ngubane kumjikelo wesixhenxe kumlo obubanjelwe eMdantsane Indoor Sports Centre kwimpelaveki egqithileyo.

La manenekazi azibalule ngokubetha amanqindi ebetsalatsalana ngentshinga yeWBF emlweni wetumente ebiququzelelwe yiZbashy Promotions ephethwe nguSibongile Matiti. UTenge uthi ufuna ukuphinda abe yintshatsheli yehlabathi kwakhona.

“Ndifuna ukuphinda ndibe yintshatsheli yehlabathi. Ndiyingxamele impinda yomlo ophakathi kwam noLayla,” utshilo uTenge.

ULayla McCarter wahlaza uTenge eOrient Theatre phambi kwabalandeli bakhe ngethuba emngqengqisa ngophotho kumjikelo wesibhozo ngonyaka ka2012.

UMcCater noTenge kulindeleke ukuba baphinde bajijisane ngentshinga yeWBO kwihlabathi kweyeDwarha, eNgilane. UTenge uthi uchitha ixesha elininzi ezilolonga.

“Ndihlala ndizilolonga ngoba ndifuna ukwenza izilungiso. Ndiyamazi uyimbethimanqindi enobungozi uLayla,” utshilo uTenge.

Indlela ohambe ngayo umlo khange imothuse uTenge.

“Kudala ndidlala noMapule. Bendisazi ukuba umlo uza kuphela ngolu hlobo. Ndimfundile kakhulu kwimilo yethu yangaphambili,” utshilo uTenge.

Kwikhono lakhe lamanqindi, uTenge uphumelele imilo engamashumi amabini. Uphulukene nomlo omnye waze wadlala ngokulingana komnye. Egameni lakhe sele ephumelele iintshinga ezimbini, ye-IBF neyeWBF.