Ugxizwe ngesigwebo seenyanga ezintandathu engadlali uMpho Makola!

Mpho Makola of Cape Town City is challenged by Nkanyiso Zungu of Stellenbosch FC during the Absa Premiership 2019/20 football match between Cape Town City and Stellenbosch FC at Athlone Stadium in Cape Town on 10 August 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umdlali weCape
Town City
, uMpho Makola, uza kuhlala iinyanga
ezintandathu zonke engadlali emva kokunqunyanyiswa yikomiti yePSL. Lo mdlali
odlala esiswini kwiCT
City
ugxizwe ngeenyanga
ezintandathu engadlali emva kokufunyanwa enetyala lokuphatha kakubi usompempe,
uAbongile Tom, owayephethe umdlalo ophakathi kweCity neKaizer Chiefs. Usompempe
wakhomba ibhola echaphazeni emva kokuba ibhola yabetha esandleni sikagxa wakhe engaphakathi
emhlabeni kanozinti. Zange ayithande lo nto uMakola, waya ngqo kuTom wafika
wamtshova wadidizela ngelivakalisa ukungasamkeli isigqibo sakhe. Wanikwa ikhadi
elityheli uMakola ngusompempe.

Kodwa emva
koko, iPSL yaye yambizelela emapulangeni (uMakola) ngenxa yesankxwe esenziwa
ngabalandeli bebhola abasibonayo isenzo esibi esenziwa nguMakola. Namhlanje iPSL
iye yangqina okokuba ngokwenene uMpho Makola ugwetywe iinyanga ezintandathu
engayidlali ibhola. “Ikomiti yePSL igqibe kwelokuba imnqumamise ebholeni uMpho
Makola emva kokumfumana enetyala lokuphatha kakubi usompempe, uAbongile Tom,
emdlalweni weTelkom Knockout owawuphakathi kweCape Town City neKaizer Chiefs
ngomhla weshumi elinethoba kwinyanga ephelileyo eCape Town Stadium,” itshilo
iPSL kwikhasi lomnatha layo uTwitter.