Ugxothiwe uRantie kwinkampu yeBafana Bafana

Tukelo Rantie weBafana Bafana. Umfanekiso: BackpagePix

Ifolosi yeBafana Bafana ephambili, uTokelo Rantie, ukhululwe enkampini yeqela lesizwe phambi komdlalo wale mpelaveki. UMzantsi Afrika untingele e-Ougadougou ekuqaleni – apho uzakudlala neBurkina Faso kumdlalo ohlakulela indebe yehlabathi ezakubanjelwa eRussia ngo’2018.

Lo mdlalo uphakathi kweBafana Bafana neBurkina Faso uzakudlalelwa kwibala iState du 4 auot ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo. URantie ngomnye wabadlali abakhwetyelwe kwiqela lesizwe nguShakes Mashaba – ukwangomnye wabadlali abane abadlala kumazwe aphesheya kolandle.

Kodwa ke ezifika namhlanje zithi iSAFA igqibe kwelokuba imrhoxise kweli qela ngenxa yokufika enkampini yeBafana Bafana emva kwexesha ebelimiselwe. Ngokwengxelo ekhutshwe yiSAFA, uTukelo Rantie, akafikanga enkampini ngeCawe umhla wesibini futhi nangosuku olulandelayo zange abekho. “Kuba sifuna ukuyigxininisa into yokubaluleka kokubanjwa komthetho, sithe masimkhulule xa oyisiwe,” utshilo uShakes kwiSAFA.net.

Ngoku lo kaRantie uzakuthi ajongane nekomiti yoluleko yeSAFA.