Ugxothwe ngenxa yeziphumo uBarker

Iindaba eziphuma kwinkampu yelona qela lebhola ekhatywayo elaziwayo KwaZulu Natal, AmaZulu, zithi umqeqeshi walo unikwe uphum’aphele ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo.

USteve Barker ubizelwe kwintlanganiso zizikhulu zeli qela apho athe waxelelwa kuyo ukuba isivumelwano sakhe sengqesho siyaqhawulwa. AmaZulu adlala kwinqanaba elisezantsi emva kokuthotyiselwa neMoroka Swallows kwisizini ephelileyo.

Ekuqaleni kwale sizini, uSuthu laqesha lo kaBarker ngenjongo zokulinceda libuyele kwi-Absa Premier Soccer League, kodwa kukhangeleka ngathi ithe qelele lo nto okwethamsanqa. USuthu lagqibela ukufumana iziphumo ezincumisayo kwinyanga yoMdumba kulo nyaka.

“Umqeqeshi ugxothelwe ukungabikho kweziphumo ezihle kweli qela. UDelron Buckley nguye oza kubamba iintambo kude kuphele isizini,” utshilo uBrilliant Mkhathini osisithethi saMaZulu.

Indawo ahleli kuyo kwiNational First Division ayiwaniki nentlantsi yethemba lokufumana amaqela aphala phambili afana neBaroka FC. Kwimidlalo emine edlulileyo, AmaZulu akakwazanga ukufumana nalo mnye umdlalo. Ngempelaveki edlulileyo, uSuthu libethwe ngo’1-0 yiRoyal Eagles ngebhola efakwe nguKatlego Mphela.

Kwiveki eyandulela le iphelileyo, AmaZulu abethwa yiThanda Royal Zulu ngo’2-1 ePrincess Magogo Stadium. Kwimidlalo elishumi elinanye edlalwe phantsi kukaSteve Barker, uphumelele emithathu kuphela waze wabethwa kwemihlanu, wadlala ngokulingana kwemithathu. Ukungakwazi kwaMaZulu ukubuyela kwiPSL kungabangela eli qela liphulukane nabaxhasi balo iSpar.