UHadebe ulibulele ikamva lakhe lombhoxo

ISharks yehlelwe sisithwakumbe kanye phambi kokuba idlale umdlalo obalulekileyo weSuper Rugby neHurricanes, ngoMgqibelo. Umdlali ogabangxayo kweli qela, odlale kwakanye kwiSuper Rugby uMonde Hadebe (25) ubhangisiwe ekudlaleni umbhoxo iminyaka emine ngenxa yokusebenzisa ichiza elingavumelekanga (steroids).

Lo mdlali khange adlale kulo nyaka kwiSharks, ebeye kwiKings phambi kokuba kuvulwe isizini, ngethemba lokufumana indawo yokudlala. Ubuyele eThekwini kodwa sele efumene ukwenzakala.

Xa kuvavanywa igazi lakhe lo mdlali kuye kwafunyaniswa ukuba unazo iintlobo ezimbini zesteroids ezingafunekeyo kwezemidlalo. UKhalid Galant ingqonyela yombutho ojongene nokususwa kweziyobisi kwezemidlalo ukungqinile oku. Kwezinye iziganeko zokusetyenziswa kweziyobisi ngabadlali, nezizakungcolisa umbhoxo eMzantsi Afrika, abadlali kwinqanaba elingezantsi babhaqwe ukuba nabo basebenzise ezi ziyobisi.

Aba badlali baquka umdlali weBorder kwabaminyaka ingaphantsi kwamashumi amabini, uChase Benito umdlali weGriquas kweli nqanaba uNico Graff. Umdlali weBorder Bulldogs kwiCurrie Cup uLukhanyo Nomzanga naye uya- bandakanyeka. USiyanda Mangaliso owayedlala kwi-EP Kings ecabangeni, waye wabhangiswa ngo’2013 emva kokufunyanwa kwesiyobisi emzimbeni wakhe kwakhona usengxakini. UHadebe oyinzalelwane yaseThekwini udlale imidlalo emithathu kwiSharks kwiSuper Rugby kunyaka ophelileyo. Xa iqela lakhe belidlala neForce, iBulls neLions.