UHanro akanalo tu uvalo!

UHanro Liebenberg weBulls ngethuba idlala neLions kwiCurrie Cup umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umdlali ophambili kwiBulls, uHanro Liebenberg, ukwazi kakuhle ukudlala namaqela aseNew Zealand ukuba kunjani emva kokufumana ithuba lokudlala bedlala neHurricanes kwiminyaka emibini eyadlulayo.

Kuloo mdlalo iBulls zabethwa ngo’17-13 eLoftus Versfeld, emva koko uLiebenberg waqala umdlalo bequbisene neCrusaders. Le ndedeba yenza ezibukwayo kuloo mdlalo, yamphehluzelisa ukapteni we-All Black, uRichie McCaw edibene noKieran Read. “La mdlalo wabamhle kwaye neziphumo zawo zandinceda kakhulu,” utshilo uLiebenberg.

“Ndikujonge ngamehlo abomvu nangoku ukudlala eNew Zealand, ndincwase nokuzivavanya kubadlali abaphume izandla kumbhoxo wehlabathi. Ndiyavuya njengokuba ndizakudlala noJerome Kaino. Kum, ukuba ngumdlali ophambili kwindawo yesibhozo yeyona nto iphambili. Ukuze lo nto yenzeke kufuneka ndidibane neziqabavu zabadlali,” utshilo uLiebenberg.

Le ndedeba yeBulls ithi ifuna iqela layo kufuneka lizitshintshe izinto xa lidibana neBlues neChiefs eziphuma kwilizwe elolikwayo kumbhoxo, iNew Zealand. Amakhwenkwe asePitoli agqibela kwiminyaka emine eyadlulayo ukufumana impumelelo xa edlala neBlues.

“Olu tyelelo lungumceli-mngeni, akululanga ukudlala eNew Zealand. Kodwa sizixelele ukuba sifuna impumelelo kule midlalo, xa sisiya phaya akufunekanga sithi siza kudlala kakuhle kwimidlalo ethile. Kufuneka sihlasele kuyo yonke imidlalo. Bazakusiva kakuhle abeBlues, amalungiselelo siwaphethile. Sifuna ukuwonwabela umdlalo,” utshilo uLiebenberg.