UHappy Jele angabuyela kwiPirates emva kweminyaka emibini!

UHappy Jele ukhululwe yi-Orlando Pirates emva kweshumi elinesithandathu leminyaka eyidlalela. Umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Iindaba ezothuse abalandeli bebhola ekhatywayo ibe kukwahlukana kwe-Orlando Pirates noHappy Jele emva kweshumi elinesithandathu leminyaka. UJele, owafika esedyongo ngo-2006, wohlukene ngokusesikweni nePirates emva kokuba engasamkelanga isikhundla ebenunuswa ngaso endaweni yokudlala ebaleni. Iindaba ngokuhamba kukaJele, obesisicaka esithembekileyo, zibhengezwe yiPirates ngoMvulo wale veki. “Sifuna ukuqinisekisa ukuba uHappy Jele nosihlalo weqela bebekhe banentlanganiso ekupheleni kwesizini yeDStv ka-2021/22. Umba ekuthethwe ngawo entlanganisweni ngumsebenzi ongekho sebaleni obewunikwa. Xa kuphela isivumelwano, umdlali uye akhululwe – kodwa akubanga njalo kuHappy ngoba unendawo yakhe ekhethekileyo kwiPirates ngenxa yeminyaka ayihleli kuyo.

“Emva kweeveki ezimbini emva kwentlanganiso, uHappy uthe usafuna ukuqhubela phambili nokudlala ibhola. Iqela alikwazanga ukumandisela isivumelwano sengqesho ngomnye unyaka – kodwa limnqwenelela konke okuhle,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiPirates. UJele, 35, uyishiya iPirates nembali entle kakhulu. Ukusukela ngonyaka ka-2006, ufumene iindebe ezisibhozo. Akuphelelanga apho ngoba ungomnye wabadlali abambalwa abadlale imidlalo engaphaya kwamakhulu amane kwiqela elinye. Emva kokukhululwa kwakhe, uJele uvakalise ukothuswa kwakhe kukunikwa isikhundla endaweni yokwandiselwa isivumelwano sengqesho ebesiza kumnika ithuba lokudlala. “Mandithathe elithuba ndibulele ithuba endilinikwe nguGqirha Irvin Khoza kwiqela elikhulu njengePiratess ndisengumntana,” utshilo uJele.

“Ndiphinde ndibulele abalandeli, abaphathi nenkampani endiphantsi kwayo ngokuhamba nam ebomini bam bebhola ekhatywayo. Ndiyazingca ngokudlalela iPirates ngokukhulu ukuzimisela nokuzinikela. Kwandothusa ukunikwa usikhundla ngusihlalo ngoba andikafuni ukuyeka ukudlala ebaleni. Ndatsho kuye ukuba ndisafuna ukudlala kwaye ndifuna ukubaqinisekisa abalandeli bePirates ukuba ndiza kubuya emva konyaka okanye emibini – kodwa yonke into iya kuxhomekeka exhesheni,” itshilo ingxelo ekhutshwe nguJele. Akasoze acime ezingqondweni zabalandeli ngoba uJele ngomnye wabadlali abaphumelele iindebe ezintathu ngesizini enye amatyeli amabini.