Ukubuya kukaHappy Jele kwi-Orlando Pirates kuzakwenza umahluko kweli qela xa lidlala neJomo Cosmos, ngoMgqibelo.
UJele ubuyile kumenzakalo ebenawo emlenzeni, kwaye uzakubuyela avale indawo kaNtsikelelo Nyauza, onqunyanyisiweyo emva kokuba efumene ikhadi lesine elityheli kumdlalo wePirates neMaritzburg United kwiveki ephelileyo.
Kwabanye abadlali abenzakeleyo kwiPirates, umdlali wangemva uSiyabonga Sangweni, uzakubonana nogqirha mayela nomenzakalo wakhe edolweni.
UThandani Ntshumayelo naye uye wenzakala emlenzeni kumdlalo wabo neMaritzburg, kwaye uzakukhe ajongwe ngugqirha. U-Oupa Manyisa, nosandula kubuya emenzakalweni uqalile ukuziqeqesha neqela, oko wathi wenzakala ngoSeptemba wonyaka ophelileyo. Kodwa kulindeleke ukuba abuyele emdlalweni ngo-Epreli.
Ukubuya kukaJele kuzaku- liqinisa udonga labadlali bangemva bePirates, kuba basokole kakhulu kwiveki ephelileyo kumdlalo abadlale kuwo ntanganye, neMaritzburg.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!