Umdlali oqhokrayo weProteas uHashim Amla, kulindeleke ukuba adlale kwiqela elidlala kwi-IPL, iKings XI Punjab phantse yonke le sizini yeIPL. Oku kulandela emva kokwenzakala kukaShaun Marsh noye warhoxa.
U-Amla uyiveze kwikhasi lakhe lomnatha into yokuba uzakuba yinxalenye yeli qela lidlala kwi-IPL, engena endaweni kaMarsh. Eli lityeli lokuqala * -Amla ethabatha inxaxheba kolu khuphiswano lweT20 lase-India.
“Ndonwabe kakhulu kukuba ndiza kuba yinxalenye yeeLions kwi-IPL, ndiwujonge ngamehlo abomvu lo mceli mngeni,” utshilo * -Amla. Lo mdlali uneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, uthathwe emva kokuba uMarsh engakhange akwazi ukuphila kwangethuba kumenzakalo osemqolo.
UMarsh ngumdlali wesine oyinzalelwane yaseAustralia ukuhamba phakathi kwi-IPL, neqale ngomhla wethoba kule nyanga, ezakuphela ngomhla wamashumi amabini anesithoba kule imiyo. USteve Smith, umdlali ogibiselayo uJohn Hastings kunye nomninawa kaMarsh uMitchell, babuyele ekhaya ngenxa yokoyika ukwenzakala nangakumbi. I-Australia kulindeleke ukuba ityelele iWest Indies kule nyanga izayo.U-Amla noye wabeka phantsi njengekapteni yeProteas kwimidlalo yovavanyo kwinyanga yoMqungu, ngomnye wabadlali abaqhube kakuhle ngelixa iProteas ikhutshwa kabuhlungu kwiT20 e-India.
I-IPL lelinye lamaqonga amakhulu eqakamba kwihlabathi, kwaye ukubizwa kuka Amla kuthetha ukuba umsebenzi wakhe ujongiwe ngamanye amazwe ehlabathi. Njengokuba iProteas ingazokuthatha nxaxheba kwimidlalo yamazwe ngamazwe, ukudlala kwi-IPL kuza kumncedisa * -Amla ukuba ahlale esemcimbini phambi kokuba iNew Zealand ize eMzantsi Afrika. Lo mdlali unesakhono ekuqhokreni kwaye uba luncedo nasekujongeni ibhola ebaleni.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo