UHeinrich Klasasen uza kuthath’ indawo kaTemba Bavuma owonzakeleyo

UKapteni weProteas, uTemba Bavuma, ngeke akwazi ukudlala emdlalweni weKFC T20 ngenxa yokonzakala. ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Abaqeqeshi beqela lesizwe loMzantsi Afrika kunyanzeleke benze iinguqu njengokuba belungiselela imidlalo yeKFC T20 ngenxa yokungabikho kwabadlali abathile. UMzantsi Afrika uza kuqubisana nePakistan emidlalweni yeKFC T20 (International Series) eqala ngomso umhla weshumi kuTshazimpuzi. Emva kokuba iPakistan iphumelele imidlalo emibini kwemithathu yosuku olunye (Batway ODI) – iProteas iya emdlalweni olandelayo untwyizisa futhi iqhwalela kwangaxeshanye ngenxa yokonzakala kwabadlali nokungabikho kwabadlali abanamava abaphindele kumaqela abawadlalelayo e-India.

UKapteni weProteas, uTemba Bavuma, ngeke akwazi ukudlala ngenxa yokonzakala akufumene emdlalweni ngoLwesithathu kule veki. Indawo yakhe (uBavuma) iza kuthathwa nguHeinrich Klassen. Imeko kaRassie van der Dussen, owenzakeleyo naye, isabekwe pantsi kweliso elibukhali emva kokutsaleka kwesihlunu emdlalweni ogqithileyo. Amadoda anamava ekulindeleke ancedisane noKapteni okhoyo ngu-Aiden Markram, u-Andile Phehlukwayo, uDaryn Dupavillon noWiaan Mulde.

UQuinton de Kock, uDavid Miller, uKagiso Rabada, u-Anrich Nortje noLungi Ngidi ngeke babekhona emdlalweni olandelayo. Bonke babuyele emaqeleni wabo ngemvume yombutho olawula iqakamba eMzantsi Afrika (Cricket South Africa). Phakathi kwabadlali abatsha ekulindeleke bafumane ithuba lokudlala kukho uSisanda Magala waseRhini – oza kudlalela iqela lesizwe okokuqala. Ukuchongwa kwakhe kulandele emva kokuba ezibonakalise kwiqela lakhe i-Imperial Lions kwiphondo laseGauteng.

Amagama wabadlali ekulindeleke badlale ngala:

Heinrich Klaasen, Bjorn Fortuin, Aiden Markram, Andile Phehlukwayo, Beuran Hendricks, George Linde, Rassie van der Dussen, Janneman Malan, Sisanda Magala, Wiaan Mulder, Tabraiz Shamsi, Lutho Sipamla, Kyle Verreynne, Pite van Biljon, Daryn Dupavillon, Migael Pretorius, Lizaad Williams, Wihan Lubbe.