UHelebe ukhala ngoBSA emva kokushiya intshinga!

INkampu kaToto Helebe ityhola iqumrhu elilawula amanqindi kweli iBoxing South Africa ngokubohlutha intshinga.

Yiminyaka emihlanu uHelebe eyigcinile intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweNtambanani, ngoku umanejala wakhe uSinethemba Mandyoli uthi uBSA uyihluthile intshinga yabo.

“I-BSA iyihluthile intshinga kaHelebe. Bafuna siyoyikhusela kuRonald Malindi eRhawutini – apho azilolonga khona,” utshilo uMandyoli.

UMandyoli uthi umbutho olawula amanqindi ubanyanzele ukuba balwe simahla.

“Abaphelelanga ekufuneni ukuba siyokulwa ebuhlantini bukaMalindi, baphinde basinyanzela ukuba siyikhusele intshinga yethu simahla. Wakhe wayibona phi intshatsheli ekhusela intshinga ngaphandle kwentlawulo?” ubuzile uMandyoli ebonakala exakiwe.

Uthi bakhethe ukuyishiya intshinga. “Sigqibe ekubeni siyishiye intshinga ngenxa yezo zizathu,” ucacise ngelo hlobo uMandyoli.

UHelebe wayiphumelela ngo2011 intshinga yeNtambanani. Wayihlutha kuPhumzile Matyila eOrient Theatre – apho wamlalisa ngophotho kumjikelo wesihlanu. Uyikhusele amatyeli amahlanu, kabini esilwa noCebo Ngema. Phambi kokulwa noKlaas Mboyane, uThabo Sishwane noMbulelo Dyani.

UMandyoli uthi nangona beyishiya iNtambanani – kodwa baza kuqhubeka ngomlo wabo ebebewulungiselela oza kuba seNgilane.

“Siyayishiya intambanani, kodwa besityikitye isivumelwano sokulwa noJosh Wale eNgilane, kwinyanga yeDwarha, kumlo we-IBF International. Iza kuba ngumlo wethu wokugqibela lowo kwintambanani,” utshilo uMandyoli.

Ziwe phantsi iinzame zethu zokuthetha noBSA ngale nyewe emva kokuba bengayiphendulanga imibuzo esibathumelele yona. Kwimilo yakutshanje eGoli: UXolisani “Nomeva” Ndongeni ukhusele intshinga yakhe yeWBF kudidi lweLightweight emva kokulalisa ngophotho uSalimu Jengo kumjikelo wesine. Kanti yena uXolani Mcotheli uphumelele intshinga yeWBF kudidi lweJunior Welterweight emva kokubetha uClement Kamanga ngamanqaku.