UHelebe usathe nqumama ngenxa yokuhlatywa

Toto Helebe

Izakukhe ithi nqumama isithuba seenyanga ezimbini intshatsheli yoMzantsi Afrika kwiBantam, uToto Helebe, emva kokutyandwa kuzanywa ukuvalwa inxeba awalifumana emva kokuhlatywa kuhlaselo olwenzeke eGugulethu, eKapa, ekuqaleni kwenyanga yeDwarha.

UHelebe, oyinzalelwane yaseCala (eMpuma Koloni), uzinze eGuguglethu – apho ahlatyelwe khona yindoda ethile xeshiweni ezama ukulamla umlo wamadoda amabini ekhayeni lakhe eGugulethu.

Lo kaHelebe bekulindeleke akhwele eqongeni ngomhla weshumi kwinyanga yoMnga, apho ebezakukhusela intshinga yakhe ityeli lesithandathu kwitumente ezakwenziwa yiRumbe Africa Promotions.

Umanejala kaHelebe uSinethemba Mandyoli uyibulele iRumble Africa Promotions ngokubanika ithuba waxolisa kubalandeli bakaHelebe ingakumbi abaseMonti.

“Mntakwethu uToto Helebe ukazukuphinda akhwele eqongeni kulo nyaka.Uyalelelwe ngugqirha obemenza utyando ukuba athi nqumama isithuba seenyanga ezimbini. Siyayibulela iRumbe Africa Promotions ngokuthi isilwise kwitumente ezayo. Siyaxolisa kakhulu kubalandeli bamanqindi nabebelindele ukubona intshatsheli yabo iseqongeni, ngakumbi eMonti – apho ebezokulwela khona,” utshilo uMandyoli.

UHelebe yimbethi manqindi yesithathu ukuhlaselwa ngemela kulo nyaka.

Kwinyanga yoMsintsi kwahlatywa kwabhubha imbethi manqindi yaseLitha ngaseQonce, uSinethemba Magibisela noMzuvukile Daniels waseCawa, nosele waphilayo ngoku.

UHelebe ugqibele ukukhwela eqongeni ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga yeKhala ngethuba ekhusela intshinga yakhe ngempumelelo kuCebo Ngema waseGauteng, e-Orient Theatre.

Unemilo engamashumi amabini anesihlanu, waphumelela elishumi elinesibhozo, wabethwa kwesixhenxe.