Uhlatyaniselwe ngemvula yeembumbulu wabhubha owayedlalela iPirates neChiefs

Former striker Marc Batchelor played for a number of SA clubs, including Kaizer Chiefs and Orlando Pirates. Photo: Motshwari Mofokeng

Ezingenayo ngoku
zithi uMarc Batchelor, owayengumdlali webhola ekhatywayo, uhlatyaniselwe ngeembumbulu
wabhubha ngoko nangoko kobu busuku eGoli. Ingxelo ithi abarhanelwa babalekile
bengathathanga nto emva kokumdubula kwaye unobankelwa wokudutyulwa kwakhe
usaphandwa ngamapolisa.

“Amapolisa
aphanda ityala lokudutyulwa kwendoda eyayidlala ibhola ekhatywayo, uMarc
Batchelor. Uhlaselwe ngamadoda amabini abehamba ngezithuthuthu kufutshane
nendlu yakhe e-Olivedale, eGoli. Ubhubhele emotweni yakhe adutyulelwe kuyo,” itshilo
ingxelo ekutshwe ngamapolisa. Isithethi samapolisa aseGauteng, uLungelo
Dlamini, sisingqinile isiganeko kwi-IOL Sport.

Kwimifanekiso
ejikelezayo kumakhasi onxibelelwano, uBatchelor ubonakala enamanxeba emzimbeni. Ngeentsuku zakhe zokudlala
ibhola ekhatywayo, uBatchelor wadlalela onke amaqela amakhulu ebholeni
yaseMzantsi Afrika aquka iKaizer Chiefs, i-Orlando Pirates, iMoroka Swallows neMamelodi Sundowns.
Uyakukhunjulwa ngoba wayeyinxalenye yePirates eyaphumelela iCaf Champions
League okokuqala ngo-1995.