Uhleli ngempund’ enye * -Eric Tinkler

Ekugqibeleni umqeqeshi we-Orlando Pirates, * -Eric Tinkler, ude wadibana nezikhulu zeqela lakhe izolo kwintlanganiso ebekuhlahlwa kuyo indlela eya phambil malunga nomsebenzi wakhe ombi.

Kulindeleke ukuba Amabhakaniya azame ukubuyisa isidima sawo kumdlalo we-Absa Premier Soccer League azakuwudlala ne-University of Pretoria ngokuhlwa e-Orlando Stadium.

Eli qela laseSoweto liya kulo mdlalo wanamhlanje liphantsi koxinizelelo emva kokuphulukana namanqaku aliqela.

Ngempela veki iBucs ifumene inqaku elinye jwi emva kokuba idlale ntanganye no’1-1 nePlatinum Stars. Ukungakwazi kwePirates ukuqokelela amanqaku kwimidlalo yePSL kuyityhalele emva kwindawo yeshumi elinesibini.

Emva kwemidlalo ebalekayo iPirates ingaphumeleli midlalo, bekulindeleke ukuba uTinkler anikezele, kodwa nanamhlanje usabambelele.

Lo mqeqeshi owangena endaweni kaVladimir Vermezovic uthathe eli qela walibeka kwimidlalo yamagqibela kankqoyi eCaf Confederation Cup, akakwazanga ukwenza ngokufanayo kwiPSL. “Kule indawo ikuyo iPirates, kunzima ukuphuma kuyo. Ewe, ndiyaluva uxinizelelo. Akekho umqeqeshi ongakufuniyo ukuphumelela. Ndangena kulo msebenzi wokuqeqesha kuba ndifuna ukuphumelela,” utsho uTinkler.

“Ndeza kwiPirates ndisazi ukuba kufuneka ndizise impumelelo, xa izinto zingahambi kakuhle, ngaphandle kwamathandabuzo ubunzima buyevakala. Ukuqeqesha eli qela kunamahla ndinyuka, kodwa ndifundile kuzo zonke ezo zinto,” utsho uTinkler.

Umhlalutyi webhola ekhatywayo, uSinesipho Mali, uthi ukugqwidiza kwePirates kwenziwe zizinto eziliqela; ukungabikho kweqela eliqalayo elinye ngenxa yokwenzakala kwabadlali emva kokuxakekiswa yimidlalo yeCaf.

“UTinkler weza nendlela yokudlala engalulanga. Njengokuba indlela abadlala ngayo ikhawuleza, kwelinye icala abadlali khange baphumle ngokwaneleyo phambi kokuqala kwale sizini.

“Inabo abadlali abakumgangatho ophezulu iPirates, kodwa ngenxa yokungaphumli, umdlalo wabo uyasilela ngamanye amaxesha. Badlala umdlalo omhle, abakwazi kodwa ukuwugcina umdlalo wabo ngoba kubakho ukuphazamiseka okuthile ebadlalini,” utsho uMali.