UHlompho Kekana uhlab’ ikhwelo kubo bonke abalandeli beSundowns

Hlompho Kekana of Mamelodi Sundowns during the Absa Premiership 2019/20 football match between Sundowns and Chippa at Loftus Stadium, Pretoria on 15 February 2020 ©Gavin Barker/BackpagePix

UKapteni weMamelodi
Sundowns, uHlompho Kekana, ucela baphume ngobuninzi babo abalandeli beqela
lakhe xa lidibana ne-Al Ahly emdlalweni obalulekileyo weCAF Champions League ongentsimbi
yesithathu emalanga ngomso (uMgqibelo) eLucas Moripe Stadium. Amasandawana aya edabini
ngomso ephantsi koxinizelelo emva kokubethwa ngamagowuli amabini eqandeni (2-0)
eCairo International Stadium kwiveki ephelileyo. Ngoku iDowns kufuneka iphumelele
ngamagowuli amathathu ubuncinane kungafakwa nto kuyo. UKekana uyiqonda kakuhle
into yokuba iqela lakhe lijongene nobunzima. Yiyo lo nto ebone kufanelekile
ukumema bonke abalandeli beSundowns ukuze banike abadlali amandla wokoyisa
elona qela likhulu kwizwekazi le-Afrika. “Abalandeli beSundowns basiphethe
kakuhle kakhulu – kodwa kweli ityeli, sifuna baphume ngobuninzi babo beze emdlalweni
wethu. Silandela ngasemva ngo’2-0; ngoku sidinga inkxaso yabo kakhulu.
Ndiqinisekile baza kulisabela ikhwelo lethu,” utshilo uKekana ethetha
neentatheli izolo.

Kulindeleke
uKekana, otyikitye isivumelwano sengqesho esitsha seminyaka emine, abe lelinye
lamadoda ekulindeleke akhokele xa kusiyiwa edabini ngomso. Amasandawana ayekhe
ayibetha ngemvula yamagowuli amahlanu (5-0) iAhl Ahly kwiChampions League
kwiminyaka edlulileyo eLucas Moripe Stadium – kodwa kwakufuneka azimisele
kakhulu ukuze yenzeke kweli ityeli. Iqela laseYiphutha ligaleleke ngoMvulo apha
eMzantsi Afrika ngoba lifuna ukulungiselela iSundowns ekelemayo kokwayo. “Bonke
aabadlali ababekhona ngokuya sasiyibetha iAl Ahly basekhona. Ngumqeqeshi yedwa
umntu omtsha. Isenabadlali abayingozi abafana noMarwan Mohsen noJunior Ajayi. Ukuba
singakwazi ukubamba abo badlali, sakube umsebenzi omkhulu siwenzile. Siyakholelwa
ukuba ikhona into esingayenza ukuba sidlala ngendlela yethu eqhelekileyo ngoba
iyasisebenzela. Kufuneka siqhubele phambili nayo ngoba sikwazile ukuphumelela
imidlalo sisebenzisa yona,” utshilo uKekana.

IOL Sport…