UHlompho Kekana ukhululwe ngokusesikweni yiMamelodi Sundowns emva kweshumi leminyaka

UHlompho Kekana esenzelwa imbeko ngoogxa bakhe kwiMamelodi Sundowns kunyaka ophelileyo. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Uqhawuke ngokusesikweni umtshato weminyaka elishumi obuphakathi kweMamelodi Sundowns noHlompho Kekana izolo. Oku kubhengezwe yiSundowns kwingxelo ebhaliweyo ekhutshwe izolo emva kokusongwa kweengxoxo. Amacala omabini avumelene ngesihle ngokwahlukana nangona isivumelwano sengqesho sikaKekana besiza kuphelelwa kunyaka ozayo kwinyanga yeSilimela. Ukukhululwa kwakhe uKekana, 36, kuthetha ukuthi angakwazi ukuzifunela iqela elitsha emva kokuvinjwa ithuba lokudlala nguManqoba Mngqithi noRulani Mokwena abangena endaweni kaPitso Mosimane kunyaka ophelileyo. Abaphathi beSundowns bebefuna ukumnika isikhundla – kodwa wala kuba esithi alikafiki ixesha lokuyeka ukudlala. “SiyiMamelodi Sundowns noHlompho Kekana sigqibe kwelokuba sohlukena ngesihle emva kweengxoxo nangona isivumelwano sakhe sengqesho siphelelwa kunyaka ozayo xa kuphela isizini ka-2021/2022,” itshilo ingxelo ekhutshwe liqela izolo.

UKekana uhamba kwiSundowns ephumelele ishumi elinambini lonke leendebe phakathi kwazo ekukho iindebe zePremiership League ezintandathu, iindebe zeNedbank, iTelkom Knockout, iCAF Champions League neSuper Cup emva kokudlala amakhulu amathathu anamashumi amahlanu (350) emidlalo. “Inzalelwane yaseZebediela iye yaziqaqambisa iminyaka elishumi yonke kwiSundowns. Ekuqaleni kwesizini, uye wanikwa iwonga lexesha elide alihleli kwiSundown nokuzinikela kwakhe kuyo. Uligqala leSundowns elinembali entle kakhulu. Nguye kuphela uKekana okhe wangena kukhuphiswano lewonga lexabiso ekuthiwa yiFifa Puska Award ngenxa yegowuli lakhe,” itshilo iSundowns.

Waleke umsundulo ngamazwi amnandi usihlalo weSundowns, uMnu. Tlhopie Motsepe, ngelithi: “Kuzo zonke iincoko azenze namajelo eendaba, uKekana ebezibiza ngokuba ungumfana wasezilalini. Uyaziqhenya kakhulu ngendawo aphuma kuyo. Usuke ezilalini wakhokela iSundowns idlala kwiFifa Club World Cup eyayibanjelwe eJapan. Libali elo engase zonke iinkokeli ezilandelayo zingafumana amandla kulo. Njengegqala leSundowns, iingcango zivuliwe nanini na xa efuna ukubuya.” Phambi kokuya kwiDowns, uKekana wadlalela amaqela afana neBlack Leopards, iSuperSport United neBloemfontein Celtic. Kulindeleke ukuba amaqela amaninzi atsalane ngaye ngoba usengumdlali onamandla kakhulu. Iingxelo ezivakalayo zithi iChippa United iphakathi kwamaqela amfunayo uHlompho Kekana.