Ingqala lebhola ekhatywayo, uHlompho Kekana, livakalise ukukhathazeka kwalo kukungagqami kwetalente kaMasibuyisane Zongo ebholeni yaseMzantsi Afrika. UKekana uphalaze imbilini yakhe kwiintatheli kutshanje eMthatha kutyelelo lwamagqala eSundowns abejikeleza neendebe zayo kwiindawo ezithile kwiphondo leMpuma Koloni.
“Kusandidakumbisa okwenzeke kwitalente kaZongo. Okwenza kube buhlungu ngakumbi kum kukuba ndiyamazi uMasibuyisane ngoba ndikhe ndahlala naye,” utshilo uKekana ethetha ngomnye wabadlali abanetalente eMzantsi Afrika.
UKekana uzenzele igama ebholeni njengomdlali weSundowns neqela lesizwe. Kodwa phambi koko, udlalele amaqela afana neBloemfontein Celtic neSuperSport United – apho wayedlala noZongo oye waduma ngokungakwazi ukuziphatha kakuhle ngaphezulu kokudlala ebaleni.
Ungumdlali onesiphiwo esinqabileyo ebholeni yale mihla. Kodwa uye wazenzela ityheneba kubaqeqeshi abaninzi ngokungalandeli imiyalelo xa esebaleni. Yena uyayithanda ibhola futhi uyakwazi ukuyidlala – kodwa unendlela yakhe efika ibakhube abaqeqeshi ngoba ufuna ukugadwa oko ebaleni.
“UZongo ngumdlali webhola ekhatywayo onetalente emangalisayo. Kubi ukumbona engafiki kwizinga eliphezulu. Ngelishwa ke, xa ungumdlali unetalente njengaye, uye uzibhaqe sowuphazanyiswe zezinye izinto. Abadlali abacinga futhi abenza izinto ngokwahlukileyo baye banzinyelwe kukufumana abantu abakwaziyo ukubakhathalela.
“Ngaphezulu kunezinto ezimphazamisileyo, mna ndibone enzinyelwa njengomdlali ngenxa yetalente yakhe. Ngomnye wabadlali endandihlala nabo kwiSuperSport United. Ndiyavakalelwa xa kuthethwa ngoZongo ngoba ndiyamazi ukuba wayekuthanda ukudlala ibhola ekhatywayo,” utshilo uKekana.
UMasibuyisane wazalelwa eMthatha kwiminyaka engamashumi amathathu anesithathu (33) eyadlulayo. Kwinqanaba eliphezulu udlalele amaqela afana neSuperSport, iPlatinum Stars, iTshakhuma Tsha Madzivhandila, iVasco da Gama phambi kokudlalela iMunaca FC yaseLimpopo edlala kwiABC Motsepe League.
Ngelishwa khange ahlale nakuyo ngenxa yeengxaki. Abaqeqeshi abaziwayo bazamile ukumnika ithuba lokudlala – kodwa ebenomkhwa wokulahleka angafumaneki xa kufuneka edlale ibhola ebaleni. Yena ngewadlalela amaqela amakhulu njengaye uKekana ukuba ingqondo yakhe wayeyibeke ebholeni kuphela.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo