Kubalulekile ukuba amashishini abenendima ayidlalayo kwiingqingqi asebenza kuzo ngokuthi ityale kuphuhliso lwendawo leyo. La ngamazwi kaZola Nogaya nongumphathi wesikhululo samafutha enqwelo mafutha sakwaCaltex eMdantsane.
Ebethetha kwitumente athe wayixhasa, ibiququzelelwe yiMdantsane Football Association. Le tumente ibibanjwe ngoMgqibelo ibiquka amaqela aseMdantsane adlala kwi’LFA.
“Ndenza ishishini eMdantsane, kwaye ndiye ndaqaphela ukuba kubalulekile ukuba umntu afake isandla senkxaso apho asebenza khona. Ndingumtu ozithandayo ezemidlalo, kwaye ndiqaphele ukuba indlela elungileyo yokwenza lonto zezemidlalo. Ezemidlalo zidibanisa abantu abaninzi abohlukeneyo, kwaye zisusa abantu abatsha kwizinto ezibheke ecaleni bangene endleleni eyiyo,” utshilo uNogaya.
Amaqela ebejijisana kule tumente ebizwe ngokuba yiCaltec Eric Mntonga memorial tournament, aquka iLas Vegas, Strikers, Mdantsane Pirates ne-Ace Cosmos ephumelela indebe. Umdlalo wamagqibela kankqoyi ubunikisa umdla phakathi kweLas Vegas ne-Ace Cosmos, waphunyelelwa yiCosmos ngamagowuli amabini kwelinye leVegas.Umqeqeshi weCosmos uNceba “Gaza” Mashalaba khange akwazi ukuzibamba kukonwaba. “La maqela anembali enkulu phakathi kwawo, kwaye ndibaxelele ukuba xa befumana ithuba abadlali kufuneka bahlasele kuba iVegas inesakhono kakhulu emacabangeni. Sikwazile ubabetha kumdlalo ibingowabo,” utshilo uMashalaba.
“Le tumente siyibize i-Eric Mntonga memorial tournament ukuhlonipha eligqala, ngendima eliyidlalileyo ukuphucula ibhola ekhatywayo eMdantsane. Siyayivuyela indlela eqhube ngayo le tumente, ibikwizinga eliphezulu kakhulu,” utshilo umongameli woMDALFA uMnyamezeli Bomeni.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF