Umongameli wombutho olawula umbhoxo kweli loMzantsi Afrika, * -Oregan Hoskins, ubeke phantsi kwiSARU emva kweminyaka elishumi ayichithe kwesi sikhundla.
Lo kaHoskins ubhengeze ukuyeka kwakhe kumalungu eSARU kwintlanganiso yequmrhu eliphezulu, eRhawutini ngoLwesithathu. “Ndonwabele iminyaka elishumi enesiqingatha, kowona msebenzi ukwinqanaba eliphezulu kwezemidlalo eMzantsi Afrika, kwaye ndiwonwabele lo msebenzi,” utshilo uHoskins. “Bendonwabile kwaye ibilithamsanqa, ndifuna ukubulela wonke umntu osebenza kumbhoxo kweli loMzantsi Afrika ngendlela esele siyihambile.
“Ibikhona nemiceli mngeni eliqela ebesijamelene nayo, kodwa bendingeno yinqwenela ngenye indlela. Le nto ibibonisa indlela ezemidlalo ezixatyiswe ngayo kweli lizwe.
“Ngelixa ndibekwa kwesi sikhundla zange ndacinga ukuba ndingabe ndiselapha ngoku, kwaye xa ndijonga ngasemva ndanelisekile, ingakumbi xa ndijonga izinto esikwazileyo ukuziphumelela kweli xesha. Nangona kunjalo, kwezinyanga zimbalwa zidlulileyo besijongene nemiceli mngeni emininzi, sikhe sathethana kakhulu kwaye loo nto indenze ukuba ndicinge ngekamva lam kakhulu,” wangeze ngokutsho uHoskins.
UHoskins watyunjwa ngenyanga yoMdumba ngo’2006, ebekwa isithuba seminyaka emibini. Wayengena endaweni kaBrian van Rooyen. Phantsi kolawulo lwakhe, iqela lesizwe iSpringboks liphumelele indebe yehlabathi yombhoxo ka2007.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo