UHugo Broos ngumqeqeshi omtsha waBafana Bafana

Hugo Broos, coach of Cameroon during the Afcon QuarterFinal Cameroon Press Conference on the 27 January 2017 at Franceville , Gabon Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Namhlanje iSouth African Football Association (Safa) ibhengeze igama likaHugo Broos njengoyena mntu ofumene umsebenzi wokuqeqesha aBafana Bafana. UBroos, oyinzalelwane yaseBelgium, ungene esikhundleni esishiywe nguMolefi Ntseki – oshenxisiweyo yiSafa emva kokuba iqela lesizwe labethwa yiSudan emdlalweni wokugqibela latsho alakwazi ukuzibekela indawo kwi-2021 Africa Cup of Nations eza kusingathwa lilizwe laseCameroon.

UBroos ngumqeqeshi onethuba eqeqesha kwizwekazi le-Afrika kwaye wanceda iCameroon yaphumelela indebe kwiminyaka eyadlulayo. Abaphathi beSafa bathi bakhethe yena kuba enomdla wokusebenzisa abadlali abasakhulayo. Le ndedeba yaseBelgium iza kugaleleka eMzantsi Afrika nesekela layo – kodwa elinye liza kuphuma apha eMzantsi Afrika. Kulindeleke ahlale ixesha elide uBroos, 69, emva kokutyikitya isivumelwano seminyaka emihlanu yonke neSafa.