UHugo Broos ophoxekile ufuna izipho ezihle emidlalweni yobuhlobo

UHugo Broos noNjabulo Blom enkampini yaBafana Bafana. Umfanekiso: Facebook

Amalungiselelo weqela lesizwe loMzantsi Afrika awaqalanga kakuhle ekuqaleni kweveki ngenxa yabadlali abaliqela abarhoxileyo ngezizathu ezahlukeneyo. Lo nto imshiye ephoxekile uHugo Broos okubethelele ukubaluleka kokudlala kakuhle kwaBafana Bafana emidlalweni yobuhlobo kwiintsuku ezizayo. ABafana Bafana baza kudibana nayo iEswatini emdlalweni wobuhlo oza kube useFNB Stadium ngentsimbini yesithandathu ngoLwesihlanu. Kwiintsuku emva kokudlala neSihlangu Somnikati, aBafana Bafana baza kudibana ne-Ivory Coast eza kusingatha iAfrica Cup of Nations (Afcon) esekuqaleni konyaka ka2024. Nakubeni uHugo Broos ebefuna ukufumana bonke abadlali abadlale emidlalweni egqithileyo – kodwa akwazanga ngenxa yokonzakala kwabanye.

Okubalulekileyo kuye kukulungiselela iAfcon nemidlalo ehlakulela iNdebe yeHlabathi elandelayo. Kwinyanga ephelileyo, aBafana Bafana badlale ntanganye neNamiba emva koko babetha iDemocratic Republic of Congo. “Sikwixesha elibalulekileyo kakhulu ngoba silungiselela imidlalo ehlakulela itumente yehlabathi neAfcon ngaxeshanye. Besiba siza kufumana abadlali ngendlela ebesicwangcise ngayo ukuze sidlalise iqela elifanayo nelo elidlale emidlalweni egqithileyo,” utshilo uBroos ekuqaleni kweveki. “Kubaluleke kakhulu kuthi ukwakha iqela eliluqilima njengokuba sisiya kwitumente ebalulekileyo. Akukho nto ke ngoba izinto azihambi ngendlela esifuna ngayo ngenxa yokonzakala kwabadlali.

“Sikhethe iEswatini ukuze isilungiselele umdlalo obalulekiyo okwinyanga ezayo. Ayiloqela eliza kudlalela ukusibetha – kodwa eliza kudlalela ukungabethwa. Yahlukile yona i-Ivory Coast ngoba yomelele. Kungakuhle kakhulu ukuba singafumana iziphumo ezihle kuyo yomibini imidlalo,” utshilo utshilo umqeqeshi, okungamphathanga kakuhle ukungafumaneki kukaPercy Tau weal Ahly noKhuliso Mudau weMamelodi Sundowns abadlalele amaqela wabo ngempelaveki egqithileyo. “UTau ucele ukungezi ngenxa yengxaki yekhaya. Ndeva – kodwa ndikhubekile ngoba udlalele iAl Ahly ngeCawe,” utshilo uBroos. Abadlali abafana noMudau, uThapelo Maseko noMonnapuleng Saleng barhoxisiwe kwiqela lesizwe ngenxa yokonzala.