UHugo Broos ufuna ukubona uMzantsi Afrika usiya eQatar

UHugo Broos ngumqeqeshi waBafana Bafana. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackapagePix

“Siza kuqinisekisa ukuba siya eQatar kunyaka ozayo – kodwa ukuba asiyanga, sakuwasebenzisa amava esiwafumeneyo,” lawo ngamazwi womqeqeshi weqela lesizwe. Uthethe la mazwi uHugo Broos emva kokubhengeza amagama wabadlali aza kuya ngabo emidlaloweni ehlakulela itumente yehlabathi. Emva kokoyiswa kukuzibekela indawo kwi-Africa Cup of Nations ezayo, uMzantsi Afrika uza kuzama ukuzibekela indawo kwitumente yehlabathi eza kusingathwa lilizwe laseQatar kunyaka ozayo. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lagqibela ukudlala kwitumente yehlabathi ngonyaka ka-2010 kuba yayilapha eMzantsi Afrika. UBroos, 69, ongene endaweni kaMolefi Ntseki, uthembisa ngokwakha iqela eliya kuthi likhuphe uMzantsi Afrika ehlazweni njengokuba ufikelwa ngumbathalala rhoqo xa kufuneka uye kwiitumente ezinkulu.

“Ndifuna ukwakha iqela elinxanelwe impumelelo. Iqela eliza kulwa kubonakale ebaleni xa lidlala,” utshilo uBroos, olungiselela umdlalo wakhe wokuqala njengomqeqeshi waBafana Bafana. Indlela eya eQatar ngeke ibelula ngoba uMzantsi Afrika uthelekiswe namazwe afana neZimbabwe, iGhana ne-Ethiopia emidlalweni kaGroup G. Umqeqeshi ufike kamnandi kukho iqela labadlali elincede uMzantsi Afrika ophumelele iCosafa Cup kwiinyanga ezidlulileyo. Ngaphezulu koko, kukho nabanye abadlale kwi-Olimpiki noxa iqela libethwe kuyo yonke imidlalo.

“Ndiyibonile yonke imidlalo yeCosafa kwaye bekudlala abadlali abasakhulayo. Indincedile lo nto ngoba nditsho ndakwazi ukubona abadlali,” utshilo uBroos. Kule veki, uBroos ubhengeze abadlali aza kubasebenzisa emidlalweni eqala kwiveki ezayo. Okothusileyo kukungabikho kukaNjabulo Ngcobo obedlalele iqela lesizwe kwiCosafa. Ephawula ngokushiywa kukaNgcobo obengumdlali wasemva oqaqambileyo phambi kokuya kwiKaizer Chiefs, uBroos uthe: “Uza kulifumana elakhe ithuba kwiinyanga ezizayo. Ngabadlali endibakhethileyo aba – kodwa emva kokudlala neGhana, mhlawumbi ndingathi ukhona umdlali esingamdingiyo.”

Ooonozinti: Ronwen Williams, Veli Mothwa, Bruce Bvuma.

Abasemva: Sydney Mobbie, Rushine De Reuck, Thapelo Morena, Siyanda Xulu, Thibang Phete, Thabani Dube, Sibusiso Mabiliso.

Esiswini: Sipho Mbule, Teboho Mokoena, Mothobi Mvala, Yusuf Maat, Ethan Brooks, Njabulo Blom.

Iifolosi: Thabiso Kutumela, Bongokuhle Hlongwane, Gift Links, Evidence Makgopa, Victor Letsoalo, Percy Tau, Luther Singh.