UHugo Broos ugxeleshe umjikelo wesibini kwiAfcon 2024

Kungekudala, iqela lesizwe loMzantsi Afrika liza kuntingela emantla ezwekazi le’Afrika – apho liza kube liphakathi kwamaqela ezizwe aza kuthatha inxaxheba kwiAfrica Cup of Nations yalo nyaka. Umqeqeshi walo, uHugo Broos, akazimiselanga ukubuyela ekhaya kwangoko nakubeni ukhuphiswano luthande ukuba lushica. UMzantsi Afrika uthelekiswe namazwe aquka iTunisia, iMali noomakhelwane, iNamibia.

Umbuzo osemilebeni yabalandeli bebhola ekhatywayo uthi: Ingaba aBafana Bafana baza kuhamba umgama ongakanani na? Akukho bani owaziyo okuza kwenzeka kwitumente yalo nyaka esingathwe yi-Ivory Coast – kodwa uHugo Broos uxelele iintatheli kutshanje ukuba kunyanzelekile aBafana Bafana badlulele kumjikelo olandelayo. “Ukuba asikwazanga ukugqithela kumjikelo wesibini, ngeke sonwabe.” utshilo umqeqesho kutshanje.

“Ukudlulela kumjikelo olandelayo yeyona nto ephambili kuthi noxa iyeyona nto enzima kwitumente efana nale. Siza kudibana namazwe akhuthazekileyo futhi akunxanelweyo ukuya phambili kwiAfcon agoduke nendebe.

“Ndakhe ndadibana nemeko esikuyo ndisengumqeqeshi weCamera kwiminyaka emithandathu eyadlulayo – kodwa le itumente yeyona inzima ngoba kuthelekiswe namaqela anawo amandla okuphumelela imidlalo.

“INamibia ingayibetha iTunisia, nathi singayibetha iTunisia. Ngeke wazi okuza kwenzeka – kodwa okubalulekileyo kuthi kukudlulela kumjikelo olandelayo. Ibalulekile kuthi le tumente – kodwa ndifuna sibeke iingqondo zethu kumjikelo wokuqala,” utshilo uBroos.

Ukuba aBafana Bafana bakwazile ukuphumelela kwisigaba sokuqala, kunokwenzeka badibane neMorocco okanye iSenegal kwisigaba sesibini kwiAfcon. Okuthe kwaphazamisa umqeqeshi kukungafumaneki kukaLyle Foster odlalela iqela lebhola ekhatywayo laseNgilane.