UHugo Broos ukhahlela abadlali beCameroon

Iqela leCameroon libhiyozela ukuphumelela indebe ye-2017 Africa Cup of Nations Finals emva kokubetha i-Egypt eGabon UMFANEKISO: SYDNEY MAHLANGU/BACKPAGE PIX

Umqeqeshi weCameroon uncoma abadlali bakhe emva kokugqugqisa kwi-2017 Afcon ebibanjelwe eGabon.

Iingangalala zebhola ye-Afrika ngoku yiCameroon ebethe i-Egypt enamandla ngo’2-1, eStade de Franceville. Kulapho ilizwe laseCameroon libonise khona amandla walo.

Emva kokuphazanyiswa kwamalungiselelo phambi kwetumente ngenxa yabadlali abakhethe ukudlala eYurophu, kuye kwanyanzeleka umqeqeshi weCameroon, uHugo Broos, axoze omny’ umphini.

Wenze njalo, ngoku baziintshatsheli ezivunyiweyo. AmaYiphutha atsazise igazi kuqala emdlalweni – ayikwazanga ukuyityhafisa iCameroon lo nto ebuye ngamandla kwisigaba sesibini efumene kuso impumelelo. Amagowuli weCameroon afakwe nguNicolas Nkoulou noVincent Aboubakar – bobabini bangene bebengamalalela, kanti eleYiphutha lifakwe nguMohamed Elneny.

“Andinabadlali mna, ndineetshomi qha,” utshilo uBroos kwiBBC.

Emva kokubetha iGhana, wonke ubani uye wazibuza umbuzo othi: Singayibetha na i-Egypt?

Lowo ngumbuzo othe chapha ezingqondweni zabadlali beCameroon ngenxa yokuzeya xa bezithelekisa nabadlali be-Egypt abanamava. Kwabona abadlali bawuphendule lo mbuzo emva kokugqwidiza kwisiqingatha sokuqala.

“Kwezi veki zidlulileyo iqela lethu lijike lalusapho oluyimbumba. Inkulu kakhulu into eyenziwe leli qela. Lo nto isinike impumelelo. Bonke abadlali bebonwabile,” utshilo uBroos ebobotheka luncumo.

Nangona iCameroon isaziwa ngokudlala ibhola – kodwa bekukho intandabuzo phambi kwetumente ngenxa yabadlali abangenawo amava kwimidlalo yetumente ekumgangatho we-Afcon.

“Umnqweno wethu ibikukuya kumjikelo wesibini (we-Afcon) emva koko sibone ukuba kwenzeka ntoni. Ukuzithemba kubadlali kukhule emva kokubetha iSenegal, babonile ukuba bangayithatha indebe,” utshilo uBroos.

Ukunikelwa umva kweCameroon ngabadlali abasixhenxe abaquka uJoel Matip no-Allan Nyom kuthiwa yeyona nto athi * -Ambroise Onyongo yaliqinisa ngakumbi ikhonkco lentsebenziswano phakathi kwabadlali.