UHugo Broos ukhwel’ ezehlela kuRulani Mokoena athi uzenza uThixo!

Umqeqeshi waBafana Bafana ukhwele ezehlela kuRulani Mokwena weMamelodi Sundowns amchaze njengomntu ozenza uThixo webhola yaseMzantsi Afrika. Oku kuvakaliswe nguHugo Broos xeshikweni ethetha namajelo eendaba ekuqaleni kweveki e-Ivory Coast. Enye into ayikhalazelayo ngaphezulu kukaMokwena kukuthintelwa kweenzame zakhe yiPSL zokubamba intlanganiso nabaqeqeshi bamaqela adlala kwiDStv Premiership. “Ndizame kwade kwakane ukuba nentlanganiso nabaqeqeshi – kodwa andakwazi ngenxa yePremier League.

“Iincwadi endandizibhalele amaqela zange zithunyelwe kuwo ngenxa yomlo ogqubayo phakathi kwePSL and South African Football Association. Emva koko zange ndivunyelwe ndingene e’Orlando Stadium amatyeli amathathu. Wakhe wayiva into enjalo?” utshilo uBroos ethetha namajelo eendaba aseBelgium. “Umqeqeshi weSundowns uthathwa njengoMourinho ebholeni yaseMzantsi Afrika. Sephumelele iindebe ezininzi. Uzenza uThixo futhi wonke umntu umamela into ayithethayo. Wandigxeka kuba abadlali bakhe boonzakala bedlalela iqela lesizwe.

“Ngaminazana ithile, iSundowns yayineshumi elinanye labadlali abonzakeleyo kuba ixakeke kakhulu. Ndiyathemba ukuba abadlali bam abadinwanga phambi kokuqala kweAfrica Cup of Nations. Sendisazi ukuba ndiza kuthawuziswa emalahleni ukuba iqela lesizwe aliqhubanga kakuhle. Kodwa ke ngoba sendimdala, sendikwazi ukumelana nezinto ezinjalo. Kuhle ngoba sikwazile ukuzibekela indawo kwiAfcon yalo nyaka,” utshilo uBroos ofuna aBafana Bafana balwele ukuya kumjikelo wesibini weAfcon yalo nyaka.

“Siza kugxekwa ukuba asikwazanga ukuya kumjikelo wesibini. Andazi ke iSafa nokuba iza kukwazi na ukunyamezela uxinizelelo lwabantu. Kodwa lo nto ayindixhalabisi nakancinci. Sendimdala mna ngoku. Yonke into yenziwa lisekela lam. Kwakukade kumnandi – kodwa ngoku akusafani. Mhlawumbi lo ngumsebenzi wam wokugqibela,” utshilo uBroos kwiHet Laatste Nieuws. ABafana Bafana badibana neMali emdlalweni wokuqala weAfcon namhlanje.