Amalungiselelo eqela lesizwe aqale kakubi ngenxa kaJayden Adams okhatyelwe ngaphandle nokonzakala komnye umdlali. Nakubeni engafunanga ukuphumela elubala ngokwenzekileyo, uHugo Broos utshilo ukuba ususe uJayden kwiqela lakhe ngenxa yokungaziphathi kakuhle. ABafana Bafana bagaleleke eGqeberha ngempelaveki ngoba bajongene nomsebenzi onzima kule veki. Iqela lesizwe lilungiselela ukudibana neCongo Brazzaville emdlalweni ohlakulela i2025 AFCON oza kube useNelson Mandela Bay Stadium ngorhatya ngoLwesihlanu.
Abadlali bafike kwangethuba enkampini ngaphandle kwabePirates neStellenbosch abalityaziswe ngumdlalo obuKwaZulu-Natal. Kodwa abadlali abasuka kuloo maqela omabini bafikile enkampini ngoMvulo. Endaweni kaJayden, kubizwe uSinoxolo Kwayiba odlalela iChippa United. Ukukhwetywa kwakhe akothusi ngoba emidlalweni embalwa edlalwe yiChippa United kule sizini, uKwayiba ufumene amawonga omdlali oqaqambileyo kaninzi. Yena uThalente Mbatha odlalela iPirates wonzakele emdlalweni obungoMgqibelo odlulileyo.
Indawo yakhe ithathwe nguBathusi Aubaas odlalela iMamelodi Sundowns. Ukungabikho kukaMbatha iza kuba yilahleko enkulu ngoba uncede aBafana Bafana besengxakini embi emidlalweni emibini kwinyanga ephelileyo. Ethetha namajelo eendaba izolo emalanga, uBroos ukafunanga ukunaba ngokwenzekileyo emdlalini weStellenbosch. UJayden ngomnye wabadlali abadlala kakuhle kule sizini eqhubekayo. Sekulithuba eyinxalenye yeqela lesizwe – kodwa umqeqeshi ususile eqeleni lakhe ngoba ufuna abadlali baziphathe ngendlela efanayo.
“Indawo kaJayden iza kuthathwa nguSinoxolo. Andizukungena nzulu kokwenzekileyo – kodwa indlela aziphethe ngayo indinyanzele ukuba ndimkhuphe kwiqela lesizwe,” utshilo umqeqeshi. Ukungabikho kwakhe akwaziwa nokuba kwakuthatha ixesha elingakanani na. “Akangomdlali oneminyaka eyi16, nakubeni esemncinane – kodwa indlela aziphethe ngayo yeyona ebalulekileyo kum. Kwiinyanga ezigqithileyo ndibalule abadlali endinabo ngoba bebesenza yonke into kakuhle. Andikwazi ukumzisa eqeleni lam eyilanto ayiyo. Ikamva lakhe lixhomekeke kuye kwiqela lesizwe,” utshilo uBroos.
UMakhaya Ntini uthi ukulungele ukuncedisa kwiKFC Mini-Cricket