UHugo Broos uyigalele amanzi eyokuhlazwa kwaBafana

UMzantsi Afrika uvuthululwe ngamagowuli amahlanu eqandeni yiFrance emdlalweni wobuhlobo. Umfanekiso: EPA/CHRISTOPHE PETIT TESSON

Babuyele ekhaya aBafana Bafana bethokombise iintloko emva kokuhlazwa kakubi yiFrance ebusuku ngoLwesibini. UMzantsi Afrika ubethelwe oogqirha nezicaka yiFrance ngamagowuli amahlanu onke eqandeni (5-0) emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe ePierre Mauroy Stadium ebigcwaliswe ngamashumi amahlanu amawaka abalandeli bebhola ekhatywayo kwisixeko saseLille. Nangona iFrance iwenze intlekisa uMzantsi Afrika phambi kwezihlwele zabantu behlabathi, uHugo Broos uyigalele amanzi into yokubethwa kweqela lakhe ngelithi eyona nto ebalulekileyo kukufunda ngaphezulu kwayo yonke into. UBroos ukuthethe oku ngethuba encokola neentatheli emva komdlalo.

Amagowuli amabini weFrance afakwe yifolosi eyoyikwa kakhulu ebholeni yehlabathi uKylian Mbappe odlalela iParis Saint-Germain edlala kwiLeague 1. Amanye afakwe ngu-Olivier Giroud kwisigaba sokuqala, uBen Yedder noMatteo Guendouzi abangene kwisigaba sesibini somdlalo. “Siye emdlalweni sisazi ukuba kukho umahluko phakathi kwamaqela abedlala,” utshilo uBroos emva komdlalo. “Njengoko benditshilo phambi komdlalo, iziphumo zomdlalo azibalulekanga kuthi. Into ebesiyifuna ngamava okudlala neqela elisemgangathweni ophezulu kwihlabathi. Iqela lethu lisakhula kwaye linabadlali abasebatsha. Asinabo abadlali abanamava njengabeFrance kwelethu iqela. Umgangatho wethu ungaphantsi koweFrance,” utshilo umqeqeshi.

Nangona bekungekho mntu obelindele ukuba aBafana Bafana bayoyise iFrance eneziqwayi zabadlali ezifana noMbappe, uGiroud, uPaul Pogba noN’Golo Kante – kodwa akekho obelindele ukuba bangabethwa ngamagowuli amahlanu eqandeni. “Ezi ziintshatsheli. Sizamile ukulwa – kodwa ke umgangatho wethu nazo awulingani. Ayilohlazo ukubethwa ngo’5-0 ngoba amava esiwazuzileyo abaluleke ngaphezulu kweziphumo zomdlalo,” uvale ngaloo mazwi uBroos. Kwiveki ephelileyo, uMzantsi Afrika ubambene ngeqanda neGuinea emdlalweni wobuhlobo wokuqala obuseBelgium, eYurophu. UMzantsi Afrika ulungiselela imidlalo ehlakulela iAfrica Cup of Nations elandelayo emva kokungakwazi ukuya kwebiseCameroon ekuqaleni kwalo nyaka.