Akawuvali umlomo uHugo Broos emva kokuba aBafana Bafana bebethe iMozambique ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe eMbombela Stadium ebusuku izolo. Ngaphezulu kokufaka amagowuli, uBroos uyiqhwabele izandla indlela abadlale ngayo abadlali bakhe ababuye ngasemva boyisa iMozambique ekhawuleze yatsazisa igazi kwisigaba sokuqala somdlalo. Igowuli labamelwane lifakwe nguNelson Divrassone osukele ibhola wadlula kuRonwen Williams obenikelwa ngugxa wakhe. Nangona umdlalo ubulawula nguMzantsi Afrika kwisigaba sokuqala, abadlali beMozambique bakwazile ukuxhathisa sade saphela. Ifolosi yaBafana Bafana, uBongokuhle Hlongwane, ubhakuzelise umnatha kabini kwisigaba sesibini kwisithuba nje semizuzu emibini kwisigaba sesibini.
Ngaphezulu koko, aBafana Bafana badlale umdlalo ophucukileyo bekhokelwa nguThemba Zwane noMiguel Timm esiswini phambi kwenani elihle labantu abebebukele eMbombela Stadium. Le yimpumelelo yesithathu yeqela likaBroos imidlalo ilandelelana. Kwiinyanga ezidlulileyo, aBafana Bafana babethe iBotswana neSierra Leone. Phambi komdlalo wayizolo, umqeqeshi ukubethelele ukubaluleka kokuphumelela kweqela lakhe njengokuba lilungiselela ukudibana neLiberia ekuqaleni konyaka ozayo emdlalweni obalulekileyo ohlakulela iAfrica Cup of Nations elandelayo. “Yah, ndiyakuvuyela ukuphumelela kwethu – kodwa eyona nto endivuyisa kakhulu yindlela esiphumelele ngayo,” utshilo uBroos emva komdlalo.
“Senze iimpazamo ezincinci ekuqaleni komdlalo ezikhokelele ekufakweni kwegowuli yiMozambique. Umdlalo ulawulwe sithi ukusukela ekuqaleni kwade kwaphela umdlalo,” utshilo uBroos oye waphawula ngeempazamo ezenziwe ngunozinti wakhe ekuqaleni komdlalo. “Andiqhelanga kumbona esenza iimpazamo ezinjeya – kodwa ngaphandle kwezo mpazamo andikukhumbuli iMozambique isenza enye into. Sidale amathuba emdlalweni. Indlela esidlale ngayo iyandichulumancisa. Ndizingomba isifuba ngenxa yendlela iqela elidlale ngayo namhlanje. Into esiyibone namhlanje, yile esiyibone emidlalweni egqithileyo,” utshilo umqeqeshi. UMzantsi Afrika uza kudibana ne-Angola emdlalweni wobuhlobo ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe, eMbombela Stadium.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10