Igowuli elifakwe nguThalente Mbatha lihlangule uMzantsi Afrika usecicini lokuphulukana nomdlalo. Kuye kwathi qabu kubalandeli xa ekugqibeleni uMzantsi Afrika ubambana ne-Uganda ngamagowuli amabini emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup of Nations obubanjelwe e’Orlando Stadium izolo ebusuku.
ABafana Bafana bawuqale kakuhle kakhulu umdlalo ngoba i’Uganda ibingenawo amandla kwisigaba sokuqala. Emva kokuba uLyle Foster efake igowuli lokuqala ngebhola esuke kuKhuliso Mudau – into eyenzileyo i’Uganda kukuhlanganisa kwade kwayiwa kwixesha lokuphumla.
Bekufanele ukuba aBafana Bafana bakhokele ngamagowuli amathathu okungenani. Abadlali abafana no-Oswin Appolis no-Elias Mokwana bakwazile ukufumana amathuba – kodwa abakwazi ukugqobhoza ezipalini zika-Ismail Watenga. Kwisiga sesibini, zijikile izinto, i’Uganda ibuye ilume ongezantsi futhi ifuna into ebilapha.
Ifolosi ekuthiwa nguDenis Omega ivuthulule ibhola embi yangena emnatheni. Emva kwemizuzu emithathu, uRogers Mato utsale intambula yebhola ekude yabhakuzelisa umnatha emva kokuba yoyise uVeli Mothwa obezamile ukuyinqanda ngezandla.
UHugo Broos ulamkele inqaku elinye elifunyenwe liqela lakhe – kodwa watsho ukuba uphoxekile kwelinye icala ngoba amathuba ebekhona okuphumelela umdlalo. Abantu abaninzi abonelisekanga yindlela uMothwa asebenze ngayo izolo.
“Bambi bathe bekufanele ukuba kudlaliswe uSipho Chaine onethuba edlala kule sizini entsha. Nakubeni kunjalo, uBroos uthe akazisoli ngokusebenzisa uMothwa watsho esithi okwenzeke kuye bekunokwenzeka nakowuphi unozinti. “Okuza kwenzeka ngeke ukwazi kungekadlalwa. Into eyenzeke kuMothwa ingenzeka nokuba kukowuphi unozinti,” utshilo uBroos.
“Andizisoli ngokumsebenzisa emdlalweni wanamhlanje. Uphoxeke kakhulu kokwenzekileyo. Kufuneka simncede akwazi ukuzithemba kwakhona. Siza kubona into esingayenza. Kodwa andizisola konke konke ngokumdlalisa uMothwa.
“Ndiyavuya kuba sidlale ntanganye – kodwa ndiphoxekile kwelinye icala ngoba asiphumelelanga. Besinawo amathuba okongeza kwigowuli kwelinye esilifumene kwangoko emdlalweni – kodwa bekuye kwabonakala ukuba i’Uganda ibukhali ngaphezulu kunathi,” utshilo uBroos emva komdlalo izolo.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’