UHugo Broos wenze esinye isithembiso kuMzantsi Afrika

UHugo Broos ngumqeqeshi waBafana Bafana. ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Abalandeli bebhola ekhatywayo bonwabile emva kokuba uMzantsi Afrika uzibekele indawo kwiAfrica Cup of Nations (Afcon). Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe iLiberia ngamagowuli amabini kwelinye eSamuel Kanyon Doe Complex ngorhatya ngoLwesibini. Amagowuli aze nempumelelo yaBafana Bafana afakwe nguZakhele Lepasa kwisigaba sokuqala noMihlali Mayambela kwisigaba sesibini somdlalo.

Nakubeni igowuli likaWilliams Jebor liyinike ithemba iLiberia – kodwa aBafana Bafana abavumanga ukuba ifake elinye njengasemdlalweni obuseSoweto kwiveki ephelileyo ophele amazwe omabini ebambene ngamagowuli amabini. Ngoku kugqityiwe, uMzantsi Afrika neMorocco (ehleli kwindawo yokuqala kuGroup K) ziya kwiAfcon eza kube ise-Ivory Coast. Nangona ingeyonto ebekufanele ukuba iyabhiyozelwa – kodwa abantu bayayivuyela ngoba aBafana Bafana bagqibela ukudlala kwiAfcon ngo-2019.

Emva kokuwa phantsi kunyaka ophelileyo emva kokuphoxwa yiGhana eyenzelelwa ngusompempe kowayo, uHugo Broos ude wayenza into enye yezinto eziphambili ewayeziqeshelwe yiSouth African Football Association (Safa). Nangona ebephoxeke kakhulu emdlalweni obuse’Orlando Stadium – kodwa ebeqinisekile ukuba abafana bakhe bangayoyisa iLiberia phambi kwabalandeli bayo. Yenzekile lo nto, ngoku wonwabe kakhulu. “Umdlalo ubunzima ngoba iLiberia ibisebenzisa kakhulu amandla.

Sinqobe ngokusebenzisa abadlali abalungele umdlalo wanamhlanje,” utshilo uBroos obephantsi koxinizelelo phambi komdlalo ogqithileyo. “Indivuyisa kakhulu indlela abadlale ngayo aBafana Bafana. Balwe kwade kwaphela ixesha lomdlalo. Size kuyo iLiberia siyikrobele indlela edlala ngayo. Besisazi ukuba sisebenzisa abadlali abafana noMaela noMayambela, siza kukwazi ukumelana nabadlali beLiberia abasebenzisa amandla emdlalweni,” utshilo uBroos ogxeleshe imidlalo yamanqam kwiAfcon esekuqaleni konyaka ozayo.

Wayetshilo ngaphambili, wathi aze abulawe ukuba aBafana Bafana akabasanga kwiAfcon. Uphinde wafunga ngelithi abulawe ukuba abafikanga kwimidlalo yamanqam. “Eli lilizwe ekumele lidlala rhoqo kwiAfcon. Andazi kutheni lingadlalanga kwiminyaka egqithileyo. Kufuneka sidlale namazwe esinokuzuza nto kuwo phambi kokuba siye kwiAfcon ezayo. Ndiyaphinda, nindibulale ukuba asiyanga emidlalweni yamanqam kwiAfcon,” utshilo uBroos obechulumancile emva komdlalo.