Umqeqeshi weBidvest Wits, uGavin Hunt, akazimiselanga kunikezela konke konke kwiphulo lakhe lokuphumelela indebe yePSL kule sizini. IWits ibethwe yiMamelodi Sundowns ngo’2-0 kumdlalo wePSL kwiveki ephelileyo – kodwa nangona kunjalo eli qela lisephakathi kwamaqela aphezulu kwiPSL.
Njengokuba uHunt egxeleshe indebe, iqela lakhe lizakudlala ne-Al Ahly kumdlalo weCaf Champions League kwiveki ezayo eCairo. Lo nto iyamxhalabisa umqeqeshi. Eli qela laseGoli linethemba lokubuyela kwimo yalo yesiqhelo xa lidibana neBloemfontein Celtic kumdlalo ozakube useBidvest Stadium. “Kuse kuninzi esiza kudlalela,” utshilo uHunt.
Omnye wabadlali abanesiphiwo esingumangaliso sokudlala ibhola ekhatywayo, uMasibusane Zongo, uphinde wenza esezolo.
Lo mdlali udukile kwaye akaziwa yiRoyal Eagles – iqela lakhe laseKZN emva kokunikwa ithuba lokuya ekhaya. UZongo, 26, watyikitywa leli qela kunyaka ophelileyo emva kokukhalalwa yiPlatinum Stars eyayimphe ithuba lokuvuselela ikhono lakhe lebhola phantsi kukaCavin Johnson. Ukuthi shwaka kwalo mdlali yeyona ebalaseleyo kuye ngaphezulu kokudlala ibhola ebaleni.
Umqeqeshi waMajita National Under-20), uThabo Senong, uyalincoma kakhulu iqela lakhe emva kokuphumelela umdlalo wokuqala kwi-Africa Cup of Nations.
UMzantsi Afrika uvuthulule kakubi ilizwe laseCameroon ngo’3-1 kumdlalo wokuvula obubanjelwe eLevy Mwanawasa Stadium ngoMvulo odlulileyo. Ngoku Amajita athe ngcu kwindawo yokuqala kuGroup B, alinde umdlalo wawo aza kudibana kuwo neSenegal ngoLwesine.
Iziphumo ezihle zindaba ezimnandi kuSeneng nakuMzantsi Afrika uphela – kodwa ke okubalulekileyo kukuba eliqela lifikelele kumagqibela kankqoyi okungenani ukuze kuzalisekise isicwangciso seSafa sika’2020.
Iqhawe elincede Amajita kumdlalo wokuqala nguLuther Singh – ofake amagowuli amathathu eyedwa kumdlalo wokuqala. Amakhwenkwe kaSenong ayicishilele iCameron kulo mdlalo kwaye ithe ifuna ukuvuka kwabe sekunzima. “Sibethe ilizwe elikhulu. Sifuna ukuqinisekisa ukuba abadlali baqubisana nomdlalo ubemnye ngexesha,” utshilo uSenong kwiSafa.net. Eli qela lesizwe lizakwamkela uPhakamani Mahlambi kumdlalo ozayo okhululweyo yiBidvest Wits emva kokugoloza ekuqaleni.
Iziphumo zeNFD
Cape Town All Stars 0-0 Stellenbosch
Mthatha Bucks 3-2 Magesi FC
FC Cape Town 0-0 Santos
University of Pretoria 2-0 Thanda Royal Zulu FC
Leopards 1-0 Witbank Spurs
Jomo Cosmos 2-0 Mbombela FC
Milano United AFC 2-0 Royal Eagles
AmaZulu 2-2 Real Kings FC
Iziphumo zePSL
Maritzburg United 2-1 Free State Stars
Baroka FC 0-3 Cape Town City
Highlands Park 0-1 SuperSport United
Ajax Cape Town 1-1 Kaizer Chiefs
Mamelodi Sundowns 2-0 Bidvest Wits
Orlando Pirates 1-1 Polokwane City
Bloem Celtic 0-3 Platinum Stars
Chippa United 2-2 Golden Arrows
Bidvest Wits 5-0 Baroka FC
SuperSport United 4-1 Maritzburg United
Halala, utshatile uMama Joy!