UHutting akazuthatha indawo kaSteve Komphela

Kaizer Chiefs Head Coach Steve Komphela ,Kaizer Chiefs Technical Advisor Robertus Hutting and Kaizer Chiefs Team Manager Bobby Motaung during Absa Premiership 2017/18 Kaizer Chiefs Press Conference at Naturena Village on 10 January 2018 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Kule veki
izikhulu zaMakhosi zibhengeze uRob Hutting waseGermany njengomqeqeshi omtsha
kaSteve Komphela. Ukufika kwale ndedeba kulindeleke ukuba kuqinise iinzame
zeKaizer Chiefs azama ukubiyisa isidima sayo emva kokungafumani iindebe
isithuba seesizini ezimbini zonke. Emva kokwenziwa kweso sibhengezo kubekho
iingxelo ezithi uHutting, otyikitye isivumelwano sengqesho seenyanga
ezintandathu, uzakungena endaweni kaKomphela ophantsi koxinizelelo – kodwa umphathi
weChiefs, uBobby Motaung, uzikhabile ezo ngxelo njengencoko enganayo inyaniso. “UHutting
(62) unesivumelwano seenyanga ezintandathu ngoba uyaqala ukuza eMzantsi Afrika
kwaye kusafuneka aqhele. Uzakuba ngumcebisi weqela – kodwa naxa sicinga
ukumsebenzisa kwixesha elizayo sizimisele ukumgcina engumcebisi,” utshilo
uBobby.

“Akazukuthatha
indawo kaKomphela, ndiyabazi abantu baseMzantsi Afrika banento yokucinga ukuba
kugxotshwa umqeqeshi xa kufika umntu omtsha,” utshilo uBobby.

UHutting uthethe
neentatheli okokuqala izolo eNaturena – apho acacise khona umsebenzi
olindelekileyo kuye. “Ndilapha kuba ndifuna kuphunyezwe iinjongo zeqela. Eli
qela lidinga umntu onamava nobuchule ngendlela ekhethekileyo – yilo nto endiza
nayo apha. Andizanga apha njengomntu waseYurophu ozokucacisa indlela esisebenza
ngayo ngaphaya. Kukuncedisa eli qela qha into yam,” utshilo uHutting.

Ngenxa yokungacaci
kakuhle kwembali yakhe ebholeni, kuye kwanyanzeleka ukuba ajongane nemibuzo
enzima uHutting – kodwa ubacelile onondaba ukuba bamnike ithuba futhi
bangalubulali usana lungekazalwa.