UJacques Nienaber ulindele iArgentina ekelemileyo ngoMgqibelo

AmaBhokobhoko ebetha iArgentina emdlalweni weRugby Championship. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Nangona AmaBhokobhoko enze umsebenzi omhle emdlalweni weveki ephelileyo – kodwa umqeqeshi ugqibe kwelokuba enze iinguqu kwiqela labadlali abaza kuqala umdlalo. AmaBhokobhoko acambalalise iArgentina ngo’32-12 emdlalweni wokuqala weCastle Lager Rugby Championship obuseNelson Mandela Bay Stadium. Linani elivisayo labadlali eliza kuqala umdlalo ebeligqibele ukudlala ngethuba uMzantsi Afrika udlala neBritish & Irish Lions. Abadlali abafumene ithamsanqa lokuqala imidlalo yonke baquka uSiya Kolisi, uJasper Wiese, uLood de Jager noCobus Reinach. ULukhanyo, uMapimpi, uKolbe noLe Roux ngabanye babadlali abaza kuqala umdlalo ngoMgqibelo emva kokuphunyuzwa emdlalweni ogqithileyo.

Nakubeni enze umsebenzi oncomekayo kakhulu, uAphelele Fassie uphunyuziwe ngumqeqeshi omncome kakhulu emva komdlalo weveki ephelileyo. La maqela mabini aza kuphinda emva kwendlu emalanga ngoMgqibelo kwaseNelson Mandela Bay Stadium. “Abadlali abathile abadlala kwiveki ephelileyo emva kwemidlalo enzima ebiphakathi kwethu neBrithish Lions. Ngoku sithe masibabuyise – kodwa kwangaxeshanye, sithe masinike abanye abadlali ithuba lokuqala umdlalo ukuze sikwazi ukwakha iqela eliluqilima,” utshilo uJacques Nienaber, ebhengeza amagama wabadlali beqela lakhe ekuqaleni kweveki.

“Njengokuba inde isizini, kuye kwanyanzeleka ukuba sibe nendlela ekhethekileyo esenza ngayo izinto ukuze bangabulaleki abadlali ngumsebenzi. Into esiqinisekileyo ngayo kukuba iArgentina iza kuba yinkathazo kakhulu emdlalweni wangempelaveki. Kunyanzelekile ukuba sidlale umdlalo obhetele kunalowo ugqithileyo. Nangona sikuvuyela ukuphumelela umdlalo wokuqala weRugby Championship – kodwa zikhona iindawo ezifuna ukuphuculwa emdlalweni wethu. Sizibonile iindawo ezifuna ingqwalasela ukuze sikwazi ukuyikhusela indebe yethu. Abadlali be-Argentina badlala ngokuzimisela ebaleni ngokufanayo nathi, lo nto ithi umdlalo uza kuba nzima,” utshilo uNienaber.