Abadlali beqela lesizwe lombhoxo baza kudibana enkampini ukusukela kule veki ngelilungiselela iitumente ezimbini ezibalulekileyo kulo nyaka. Njengeentshatsheli zehlabathi, kubalulekile ukuzilungiselela kakuhle kweqela likaJacques Nienaber ngoba amehlo aza kube ethe ntsho kulo. Umsebenzi wetumente yehlabathi uza kuqala xa AmaBhokobhoko ethatha inxaxheba kwiCastle Lager Rugby Championship edlalwa ngamazwe aquka uMzantsi Afrika, iAustralia, iArgentina neNew Zealand. AmaBhokobhoko aza kuhlala enkampini iiveki ezimbini zonke eThekwini kwiphondo laKwaZulu-Natal. Lishumi elinesihlanu lonke labadlali elibiziweyo ngumqeqeshi. Kwelo nani elibiziweyo, abekho abadlali beDHL Stormers ngoba basenomdlalo weVodacom United Rugby Championship abawulungiselelayo.
Umdlalo weSpringbok wokuqala kwiRugby Championship ejongwe ngamehlo abomvu siza kudibana neAustralisa ngomhla wesibhozo kwinyanga yeKhala emalanga eLoftus Versfeld Stadium. “Njengokuba kusondela imidlalo yeRugby Championship, sibone kufanelekile ukuba masidibanise abadlali enkampini ukuze siqinisekise ukuba bonke abadlali bakulungele ukudlala,” utshilo uNienaber oza kubeka phantsi njengomqeqeshi weSpringboks emva kwetumente yehlabathi. “Enkampini sifuna ukuqubisana nezinto zonke ezibalulekileyo phambi kwemidlalo yeRugby Championship ekwinyanga yeKhala.
“Oku sikwenzayo yinxalenye yenkampu ebesikhe sakuyo eKapa naseStellenbosch ekuqaleni konyaka – kodwa yona ebigxile kakhulu kubadlali abadlala apha ekhaya. Imidlalo yeRugby Championship iyasondela futhi yimidlalo emithathu kuphela esiza kuyidlala phambi kokuya kwitumente yehlabathi. Kufuneka sisebenze ngokuzimisela ukuze sikwazi ukukhusela isicoco sethu eFrance. Yonke into enokusinceda sakhe iqela eliluqilima siza kuyenza,” utshilo uNienaber. Amadoda onzakeleyo afana noSiya Kolisi noEben Etzebeth aza kuya nawo enkampini. Noxa bekukho ixhala lokungabikho kukaKolisi kwitumente yehlabathi – kodwa ingathi ikhona intlantsi yethemba emva kotyando alenze kutshanje.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM