UJacques Nienaber uthi kusoloko kubanzima ukuqubisana neNew Zealand

UJacques Nienaber ngumqeqeshi waMabhokobhoko. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Umqeqeshi weSpringbok ukhwebe abadlali ababini abanamava emidlalweni yamazwe ngamazwe phambi komdlalo obalulekileyo ngempelaveki. Abadlali bakaJacques Nienaber babila besoma enkampini kwelaseAustralia – apho balungiselela khona ukudibana neNew Zealand emdlalweni weCastle Lager Rugby Championship oza kube useTownsville ngentsimbi yethoba kusasa ngoMgqibelo. AmaBhokobhoko asazikhotha amanxeba emva kokubethwa ngo’30-17 yiAustralia kwimpelaveki egqithileyo. Emva kokubethwa emidlalweni emibini ilandelelana, ngoku uMzantsi Afrika ukhangela iqhinga onokubetha ngalo iNew Zealand eyinkathazo ngaphezulu kweAustralia.

UNienaber uvumile ukuba iqela lakhe alidlalanga kakuhle kwiveki ephelileyo. Yiyo lo nto ebize abadlali abanamava futhi abanokukhonkxa iNew Zealand edlala ngesantya esiphezulu. Phakathi kwabadlali ekulindeleke banikwe ithuba lokudlala ngoMgqibelo kukho uLood de Jager, uElton Jantjies noFrans Steyn. Ukonzakala kukaCheslin Kolbe kuwubethile uMzantsi Afrika – kodwa uNienaber uthe uyalulama, kangangokuba angadlala kwiveki ezayo. “Kusoloko kunzima ukuqubisana neNew Zealand ngoba inabadlali abanesiphiwo esingumangaliso sokudlala umbhoxo. Abadlali bayo bayakwazi ukusebenzisa amathuba ebaleni. Lo nto ithi kufuneka sidlale ngokuzimisela emva kokubethwa emidlalweni emibini egqithileyo,” utshilo uNienaber okwathe abadlali abanamava bangenza umahluko emdlalweni olandelayo.

“Abadlali abanamava banganceda ngokugcina iqela lisemdlalweni imizuzu engamashumi asibhozo yonke. Abadlali abafana noFrans noElton baza kusinceda kuloo ndawo ngoba bakhe badlala neNew Zealand emdlalweni owaphunyelelwa siSpringbok. Bobabini banethuba elide bedlalela iqela lesizwe kwaye bazilolonga kakuhle enkampini,” utshilo uNienaber. Yona iNew Zealand iyiphumelele yomine imidlalo yayo yeCastle Lager Rugby Championship. “Kufuneka sizicuthe iimpazamo ebaleni ngoba iza kusohlwayo iNew Zealand ukuba asenzi njalo,” uvale ngaloo mazwi umqeqeshi. Usompempe oza kuphatha umdlalo nguLuke Pearce waseNgilane.