UJake White uzingomb’ isifuba ngomsebenzi weBulls!

Kwiveki ephelileyo, iVodacom Blue Bulls itywine indawo yayo kwimbali njengelona qela eliphambili embhoxweni waseMzantsi Afrika ngethuba lithatha indebe ebalulekileyo. Oku kwenzeke emva kokuba iBulls ibethe iNatal Sharks ngo’26-19 emdlalweni weCurrie Cup obunzima eLoftus Stadium, ePitoli. Emva kokuxikixana imizuzu esondeleyo ekhulwini, amakhwenkwe kaJake White azicacise ngethuba efumana itrayi ngomzuzu wokugqibela – into ewanike amanqaku oneleyo okubetha iSharks eyeke amathuba amahle emdlalweni.

Iqela lasePitoli lizuze indebe yeCurrie Cup elayigqibela ngonyaka ka2009. “Kuhle kakhulu okwenzekileyo xa ujonga iingxaki esiye sadibana nazo. Bekungekho balandeli ebaleni kwabe kukho neendudumo eziye zanyanzela oosompempe bawumise umdlalo kwisigaba sokuqala. Kuye kwanyanzeleka sinyamezele imeko esikuyo. Ibingumdlalo oya kukhunjulwa ngabantu ngeendlela ezahlukeneyo,” utshilo uWhite.

“Ndiyazingca ngendlela esidlale ngayo. Sikhe salifumana ithuba lokuphumelela umdlalo. Nabo balifumene ithuba kwixesha elongezelelweyo kodwa abalisebenzisa. Indlela izinto ezenzeke ngayo iyamangalisa,” utshilo uWhite. Umdlali ongene njengelalela emdlalweni, uArno Botha, wenze umahluko omkhulu kwaye imkholisile kakhulu lo nto umqeqeshi wakhe. UBotha ulele emgceni, yatsho yafumana amanqaku iBlue Bulls ephumelele ngawo umdlalo.

“Enye yezinto endizonwabeleyo emdlalweni yindlela amalalela awuguqule ngayo umdlalo. Yinto esifuna ukuyibona isenzeka rhoqo ukusukela ngoku. Kuyandivuyisa ukubona abadlali besenza umahluko xa bengamalalela. Umdlalo ubunzima kodwa babuye ngasemva bawuphumelela umdlalo. Kuhle ngoba wonke umntu uyenzile indima yakhe. Akukho mntu oza kuzibamba kuba ecinga ukuba akenzanga nto,” utshilo uJake White emva komdlalo.