UJali ufuna imali esandleni

Njengokuba amaqela amakhulu emfuna onke umdlali weBafana Bafana, uAndile Jali – elona qela elakuthi limtyikitye lelo liyakuthi limnike imali eyakuthi imonelise.

Umphathi walo mdlali, uMnu. uMike Makaab, uthi uJali ufuna iqela eliza kumnika umgodlo oncumisayo.

Kumaqela ekuvakala ukuba ayamfuna lo mdlali kubalwa phakathi kwawo iKaizer Chiefs, iOrlando Pirates awayeyidlalela ngaphambili neMamelodi Sundowns edume ngokuchitha iimali ezinkulu ebadlalini.

Kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, uJali uxelele amajelo eendaba okokuba yena ubuyela ekhaya kwaye uzakube edlalela elinye lamaqela akwiPremier Soccer League kwisizini ezayo.

UMike Makaab uxelele I’solezwe okokuba phantse onke amaqela amakhulu athethile naye malunga nokufumaneka kukaJali.

“Onke amaqela amakhulu ake andibuza ngemeko kaJali – kodwa okwangoku, alikho iqela esixoxa nalo. Akukho kwanto esele siyenzile okwangoku. UJali ukhangela iqela eliza kumnika isivumelwano sengqesho esincumisayo. Uzimisele ukuya apho aza kunikwa khona imali anokwazi ukuphila ngayo. Yindoda enosapho ngoku uJali kwaye utshatile. Uyakhula ngoku,” utshilo uMakaab.

UJali ngomnye wabadlali siswini abaphambili eMzantsi Afrika. Udumo walifumana ngethuba edlalela iPirates – apho waphumelela iindebe eziliqela eziquka iMTN 8, iNedbank Cup, iTelkom Knockout neAbsa Premier Soccer League. Lo mdlali wantingela kwilizwe laseBelgium ngo2014 – apho azibonakalise khona noKnowledge Musona.

“Akukagqitywa ukuba ubuyela ekhaya uJali. Kusenokwenzeka nantoni na kwikamva lakhe. Kungathi gqi iqela laphesheya nesicelo esinomtsalane sisamkele. Ngeke ndithi uyabuya ngokupheleleyo ngoba lisekhona ixesha. Make silinde ukuze sibone ukuba kuzokwenzeka ntoni,” utshilo uMakaab.

UJali akadlali eqeleni lakhe ngenxa yokwenzakala emva kokudlala imidlalo engamashumi amane anesine afake kuyo amagowuli amahlanu. Kukrokreleka ukuba yiSundowns enokuthi imthathe lo mdlali phambi kwesizini ezayo.