UJali uza kuthatha isigqibo ingaphelanga impelaveki

Andile Jali of South Africa during the 2017 International Friendly match between South Africa and Guinea Bissau at the Moses Mabhida Stadium, South Africa on 25 March 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Ayaqina
amahum-amahum athi Amakhosi angatyikitya umdlali ophambili, u-Andile “Gattuso”
Jali, ingaphelanga le mpelaveki. Isolezwe (laKwaZulu-Natal) live kumthombo walo
othembekileyo ezi ndaba ngoJali okhangela iqela elitsha eMzantsi Afrika emva
kokuba eshiye ebekade elidlalela eBelgium ekuthiwa yiKV Oostende.
Kwiiveki ezidlulileyo, kuvakele iindaba ezithi lo mdlali weBafana Bafana
ugacelwe yiKaizer Chiefs, i-Orlando Pirates awayeyidlalela ngaphambili kunye
neMamelodi Sundowns – kodwa kule veki kuvakele iingxelo ezithi iPirates ihle
nomcinga. UJali wayibeka yacaca kwantlandlolo into ethi ufuna ukudlalela iqela
eliza kumnika imali kwaye ufuna nokudlalela iqela eliza kudlala imidlalo yeCaf.

“Ngeke
ndothuke ukuba uJali uthatha isigqibo sokuya kwiKaizer Chiefs. Le iveki
inaphela sesithathile isigqibo,” utshilo usondeleyo kuJali.

Isolezwe
liqhakamshelene nomanejala kaJali, uMike Makaab – okhokela iProSport
International, uthe imeko yomdlali wakhe ifana nje neyekati ebekelwe inyama
nobisi.

“Izicelo
eziphambi kwethu zichontsizisa amathe. Kwisithuba seeYure ezingamashumi amane
ukuya kwezingamashumi asixhenkxe kunokwenzeka sibe sesisithathile isigqibo
ngekamva likaJali. Njengokuba bendikhe ndatsho, injongo yethu kukuqinisekisa
ukuba inyanga iphela eneqela elitsha. Izicelo ezifakwe ngamaqela zihle
ngokwasezimalini. UJali nguye oza kuthatha isigqibo, hayi mna. Likhona iqela
endiza kulonwabisa kanti kwangaxeshanye kukho eliza kudakumba. Iisibindi yinto
endinayo ngoba ndinamava kweli shishini,” utshilo uMakaab.

UJali,
okhaya liseMatatiele, uhleli iminyaka emine eYurophu. Wayesuka kwiPirates –
apho wazenzela udumo khona phambi kokuzama eBelgium. Kufuneka aqhelane nenkqubo
yeqela lakhe elitsha. Yiyo lo nto kufuneka kuthi kuqala isizini abe yena
ekwisimo esilungele ukudlala ngokwasemzimbeni. Ujongene noxinizelelo ngoba
akubikho lula ukudlala apha xa usuka eYurophu, ngoku uzilolonga yonke imihla.
Kunyanzelekile asebenze ngokuzimisela okukhulu ngoba iqela alikhethileyo liza
kumnika ithuba lokuzakhela igama kwakhona nokukhula ngokwasemdlalweni. Ukuhlala
kwakhe ePitoli akuthethi kuthi uza kutyikitywa yiSundowns. Ayomali kuphela into
ephambili kuthi. Izicelo esinazo zincumisa ngeendlela ezininzi,” utshilo
uMakaab.

Umanejala kaJali
uthi umdlalo wakhe ufuna ukuya kwiqela eliza kuphumelela iindebe futhi eliza
kubandakanyeka kwimidlalo yezwekazi le-Afrika.

 – Minenhle Mkhize