UJames Okwuosa ubuyele kwiiChilli-boys kwakhona. Lo mdlali uneminyaka engamashumi amabini anesihlanu udlale indima ebalulekileyo kwinkqubela eyenziwe leli qela laseMpuma Koloni kwisizini edlulileyo – kodwa kuthe xa kuphela isizini kwavakala iindaba ezithi uthathwe yi-Orlando Pirates, ezondaba zangqinwa nayiChippa.
NgoLwesithathu uthe gqi kwiChippa United kwakhona lo mdlali emva kokuba iPirates ingamtyikityanga. Ngoku unikwe iminyaka emine ziiChilli-boys. Eli qela lizinze eBhayi livale isizini ka’2015/16 lihleli kwindawo yesithandathu. Ngoku lilungiselela ukudlala okokuqala kwiMTN 8 xa kuvulwa isizini ka’2016/17.
Amalungiselelo weChippa aqale kule veki ngokuthi ibhengeze ngokusesikweni abadlali abatsha phambi kweyona sizini ekulindeleke ukuba inike umdlalo ongumangaliso.
Nanga amagama wabo: Sherwin Bailey; Bulumko Ceki; Xolani Mdaki; Vusumzi Mncube; Sizwe Mdlinzo; Strydom Wambi; Paseka Maku; Phetolo Sekome; Tshwarelo Bereng; Siphesihle Stuurman; Bongani Ndudula; Kristopher Bergman; Zama Dlamini; Veli Mothwa; Menzi Masuku. Kukho abadlali abahambileyo kweli qela abafana noNkosinathi Mthiyane no-Eric Chipeta – lo nto iye yalinyanzela liqinise phaya naphaya.
“Sonelisekile kakhulu ngumgangatho wabadlali esibafumeneyo phambi kwesizini entsha.
“Ndiyabulela kumnumzana uSiviwe Mpengesi nabaphathi bebonke. Ndisebenzile ngaphambili nabadlali abaninzi kwaba bafikayo, andithandabuzi – kuninzi abazakuthi basenzele kona,” utshilo umqeqeshi uDan Malesela.
Njengokuba iChippa iqhube kakuhle kwi-Absa Premier Soccer League kwisizini edlulileyo, ngoku kulindwelwe lukhulu kuyo. “Asikwazi ukulala emqokozweni. Kufuneka sisebenze ngokuzimisela kwakhona ukuze sonwabise abalandeli bethu,” utshilo uMalesela.
Usihlalo weli qela, uSiviwe Mpengesi, uthi ufuna lithathe apho beliyeke khona kwisizini ephelileyo.
Kuphehlelwe umxholo omtsha othi: #SeasonOfGrowth othetha ukuthi le izayo yisizini yokukhula kweChippa. “Kuninzi esikwenzileyo ngelizama ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba kakuhle.
“Ndibathembile abantu esinabo futhi ndinethemba lokuba bakuyithatha iChippa bayinyusele phezulu,” utshilo uMpengesi.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman