UJele ufuna itshayele iindebe iPirates!

UHappy Jele weOrlando Pirates encokola noRodney Ramagalela weHighlands Park emsithweni obubanjelwe eGoli kwiveki ephelileyo

“Sifuna kwanto kule sizini”. Lawo ngamazwi kaKapteni weOrlando Pirates emva kokuba ithelekiswe neHighlands Park kwiMTN 8 emsithweni obubanjelwe eHyde Park, eGoli, kwiveki ephelileyo.

UHappy Jele unethemba lokuba iPirates iza kuphakamisa iindebe kule sizini emva kokuba iphose amathuba amaninzi okuziphumelela kwisizini edlulileyo.

Ezimnyama zineminyaka emihlanu yonke zingacholi naphantsi kodwa nangona kunjalo, uJele unethemba lokuba izinto ziza kuguquka kule sizini.

UJele ngoyena mdlali omdala nowayekhona ngethuba iPirates iphakamisa indebe yayo yokugqibela kwiminyaka edlulileyo.

“Umsebenzi wam kukukhuthaza oogxa bam ukuze siqinisekise okokuba kule sizini kukho into eliyifumanayo iqela.

Bakhona abadlali abadala abandincedisayo,” utshilo uJele.

Umqeqeshi wePirates, uMilutin “Micho” Sredojevic, uxelele iintatheli kutshanje into ethi abalandeli mabathobe amaphaphu ngoba iindebe sezivele ngeempondo kwaye okuseleyo kukuqinisa nje indlela iqela elidlala ngayo ukuze lifumane iindebe. Ukuthethe oku uSredojevic emva kokuba iPirates ibethe iBloemfontein Celtic ngo’3-1 emdlalweni evule ngawo isizini. IBucs ityikitye iziqwayi zabadlali abanokuyinceda kule sizini, phakathi kwazo ekukho uGabadinho Mhango noFortune Makaringe.

“Umqeqeshi uyakwazi ukubadlalisa abadlali ngokwahlukana kwemidlalo. Sinabadlali abaninzi abaza kusinceda njengokuba sinemidlalo emininzi ekulindeleke siyidlale.

Abaqeqeshi bethu bayabazi abadlali abalungele ukudlala.

Kuyandonwabisa ukubona bedlala kakuhle emidlalweni abadlali abafikayo,” utshilo uJele.

Kuza kufuneka abadlali bePirates baye kwiHighlands Park bezimisele emdlalweni oseOrlando Stadium emalanga ngoMgqibelo ngoba inomkhwa ombi wokuwasokolisa amaqela amakhulu.

Nangona iHighlands Park ingayivulanga kakuhle isizini kodwa umqeqeshi wayo, uOwen da Gama, ugoduke enethemba emva kokuba ikwazile ukubuya nenqaku elinye emdlalweni ewudlale neMaritzburg United kwiveki ephelileyo.

“Kusekutsha kakhulu.

Nayo iRoma zange yakhiwa ngosuku olunye. Kuthatha ithuba ukwakha iqela, nathi kufuneka siziphe ithuba ukuze sigqithe kuzo zonke izigaba njengeqela elisakhulayo,” utshilo uDa Gama emva komdlalo.