UJobodwana ulwela ukuya kwi-Olimpiki

Imbaleki yeli lizwe loMzantsi Afrika ephambili * -Anaso Jobodwana ulwela ukuya kwi-Olimpiki eziseRio De Janeiro kwinyanga engaphaya kwale izayo.

Le mbaleki yaseMpuma Koloni ithe yanelishwa lokuphazanyiswa kukonzakala, nto leyo ethe yaphazamisa amalungiselelo akhe.

UJobodwana yenye yeembaleki eziqaqambileyo ezathi zawuthatha uMzantsi Afrika zawuphakamisela phezulu kwii-Olimpiki ngo-2012 ezazibanjelwe kwisixeko esikhulu eNgilane esaziwa ngokuba yiLondon. Kunyaka ophelileyo ubuye ephethe iwonga leBronze kwimidyarho yeembaleki ebibanjelwe eBeijing.

UJobondwana uyakukhunjulwa ngabaninzi ngesibindi awabanaso emva kokuzigxama kumdyarho wee-Olimpiki zaseLondon, apho kwathi kwaphumelela * -Usain Bolt.

Le mbaleki, 23, inephupha lokubuya nembasa kwii-Olimpiki ibuyele kuqeqesho ePhoenix ngelizama ukuleqa ixesha elilahlekileyo. “Ndiluthatha ngokuba luvavanyo kum olu. Andinguye la mntu uvele anikezele ngaphandle kokuzama,” utshilo uJobodwana kwi-Independent Newspaper.

Le ndedeba iphantsi kwenkqubo yegqala kwicandelo leembaleki, uJohn Smith waseMelika, owanceda iimbaleki ezifana noMaurice Greene no-Ato Boldon waseTrinidad neTobago.

Akukho themba lokuba kungakho uvavanyo lomdyarho uJobodwana anokuwufumana phambi kwee-Olimpiki, kodwa umsebenzi awenza enkampini ngoku ulingana nalowo azibona ewenza xa efika eRio.

“Uqeqesho lukumgangatho ophezulu kakhulu.

“Ndizama ukufikelela kwesona santya siphezulu kangangoko. Zange ndicinge ukuba ndakube ndikule ngxaki, kodwa ndicinga ukuba ndenza oko kusemandleni am,” itsho le mbaleki.

Nangona kungekacaci nokuba uyakube ekulungele ukubaleka ngokukhululekileyo xa kuqala ii-Olimpiki, uJobodwana uthi ukuba izinto azimhambeli kakuhle kuqeqesho, ukulungele ukuthi gu bucala kungene ezinye iimbaleki endaweni yakhe.