UJobodwana uthathana noMunyai kwiGauteng Championship

Imbaleki yaseMpuma Koloni, * -Anaso Jobodwana, uzamisele ukulwa noMunyai kugqatso lweGauteng North Championships kule veki

Into engathandabuzekiyo kwimbaleki yaseMpuma Koloni, uAnaso Jobodwana – ngamendu enawo.

Le mbaleki iyaziwa jikelele kwihlabathi ngenxa yokuzibonakalisa kwimidyarho yeembaleki emikhulu. Nakubeni ikwazi ukubaleka nje le ndodana yakwaJobodwana – kodwa ayikafikeleli kwinqanaba elonelisayo.

Mhlawumbi, unobangela kukuba isoloko ikhathazwa kukonzakala – kodwa ngoku uJobodwana uzimisele ukufumana indlela yokuthatha ikhono lakhe alibeke endaweni ephezulu.

UJobodwana ukuthethe oku kutshanje emva kokuphazanyiswa ngumoya ePitoli – apho ebezama ukubaleka umgama olikhulu leemitha (100m) kwiGauteng Championship.

Nangona ephazanyiswe ngumoya kolwa gqatso, uJobodwana uthi ngeke imtheze amandla lo nto.

Kulo nyaka, le mbaleki izibandakanye kwiqela leembaleki ekuthiwa yiTuks Athletics.

“Ndiyazazi ukuba ndinawo amendu emilenzeni yam. Into esandixakayo kukuwasebenzisa kakuhle ukuze ndivelise iziphumo ezifanayo kwimidyarho yeembaleki. Kufuneka ndiqinisekise ukuba isantya sam sihlala siphezulu oko. Sisekwinyanga yesibini yonyaka, injongo yam kukuqinisekisa ukuba ndibaleka kakhulu nakwinyanga yeDwarha. Umnqweno endinawo kukwenza umsebenzi omhle kwiWorld Championships ezikunyaka ozayo,” utshilo uJobodwana kutshanje.

Eli tyendyana leMpuma Koloni liphantsi koqeqesho lomqeqeshi owaziwayo ogama linguThabo Matebedi. Ngokokutsho kwakhe uJobodwana, banethuba elide besazana noMatebedi.

“Ndemka eThekwini. Ukuza kwam kwiTuks kwaphenjelelwa kukubona ukuba ineembaleki ezisemgangathweni ophezulu. Xa ndithetha inyaniso, ndifuna ukhuphiswano oluphezulu xa ndizilolonga. Into endiphazamisayo engqondweni yam kukonzakala xa kanye ndiqala ukuba semfuthweni. Ndibonile ukuba soze ndibaleke ndide ndifikelele ekugqibeleni lekhono lam ukuba anditshintshi indlela endenza ngayo. Ndiseneminyaka emihlanu ukuya kwemithandathu endiseza kuyibaleka,” utshilo uJobodwana.

Namhlanje uJobodwana uzakube eyinxalenye yogqatso olungumgama ongamakhulu amabini eemitha (200m) lwe-Athletix Grand Prix azimisele ukuphisana kuyo nentshatsheli ye-200m, uClarence Munyai. Zombini ezi mbaleki ziye zavavanyana kwiGauteng North Championships.